INdumiso
Imiktam kaDavide.
16 Ndigcine, Thixo, ngokuba ndisabela kuwe.+
2 Ndithe kuYehova: “UnguYehova; ukulunga kwam, akwenzelwanga wena,+
3 Kodwa kokwabo bangcwele emhlabeni.
Bona, kwanabo banobungangamsha, ngabo abandiyolisayo.”+
4 Ziba ninzi iintlungu kwabo bathi, xa kukho omnye umntu, bakhawuleze ukumsukela.+
Andisayi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi,+
Yaye andiyi kuwathwala ngemilebe yam amagama abo.+
6 Izintya zokulinganisa zindiwele ezindaweni ezithandekayo.+
Eneneni, izinto zam zingqineke zikholekile kum.
8 UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo.+
Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.+