Mateyu
13 Ngaloo mini uYesu, akuba emkile endlwini, waya kuhlala ngaselwandle; 2 yaye izihlwele ezikhulu zahlanganisana kuye, kangangokuba wakhwela isikhephe, wahlala phantsi,+ saza sonke isihlwele sema elunxwemeni. 3 Wandula ke wabaxelela izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Khangela! Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;+ 4 yaye njengoko wayehlwayela, yimbi imbewu yawela ecaleni kwendlela, zeza iintaka zayidla zayigqiba.+ 5 Enye yawela kwiindawo ezilulwalwa apho kwakungekho mhlaba mninzi, yantshula ke kwaoko ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.+ 6 Kodwa lakuphuma ilanga yagqatswa, kwaye ngenxa yokungabi nangcambu yabuna.+ 7 Enye, yona, yawela phakathi kwameva, akhula ameva aza ayiminxa.+ 8 Ukanti enye yawela kumhlaba omhle yaza yavelisa isiqhamo,+ enye yavelisa ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.+ 9 Lowo uneendlebe makaphulaphule.”+
10 Beza kuye abafundi bathi: “Kutheni na uthetha kubo ngemizekeliso?”+ 11 Waphendula wathi: “Nina nikunikiwe ukuziqonda iimfihlelo ezingcwele+ zobukumkani bamazulu, kodwa bona abo bantu abakunikwanga.+ 12 Kuba nabani na onako, uya kunikwa okungakumbi yaye uya kwenziwa aphuphume;+ kodwa nabani na ongenako, kwanoko anako kuya kuthatyathwa kuye.+ 13 Kungenxa yoko le nto ndithetha kubo ngemizekeliso, ngenxa yokuba, nakuba bekhangela, bakhangelela ilize, nakuba besiva, bavela ilize, bengaqondi nokuqonda;+ 14 kwaye sizaliseka kubo isiprofeto sikaIsaya, esithi, ‘Ukuva kona, niya kuva kodwa ningaqondi; ukukhangela kona, niya kukhangela kodwa ningaboni.+ 15 Kuba intliziyo yesi sizwana ilukhuni, sizivingcile iindlebe zaso, sawavala amehlo aso; ukuze singaze sibone ngamehlo aso, sive ngeendlebe zaso, siqonde ngeentliziyo zaso, sibuye, ndize ndisiphilise.’+
16 “Noko ke, anoyolo amehlo enu+ ngenxa yokuba ayabona, neendlebe zenu ngenxa yokuba ziyeva. 17 Kuba inene ndithi kuni, Baninzi abaprofeti+ nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukubona izinto enizibonayo, abazibona,+ nokuva izinto enizivayo, abaziva.+
18 “Nina, ngoko, wuphulaphuleni umzekeliso womntu owahlwayelayo.+ 19 Ukuba ngoko ubani uyaliva ilizwi lobukumkani kodwa angaliqondi, uyeza ongendawo+ akuxhwile oko bekuhlwayelwe entliziyweni yakhe; le yileyo ihlwayelwe ecaleni kwendlela. 20 Leyo ke ihlwayelwe kwiindawo ezilulwalwa, ngulowo ulivayo ilizwi aze kwaoko alamkele ngovuyo.+ 21 Onjalo akanazingcambu kuye kodwa uqhubeka okwexeshana, kuze kuthi kwakuvela imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi akhutyekiswe kwaoko.+ 22 Leyo ke ihlwayelwe phakathi kwameva, ngulowo ulivayo ilizwi, kodwa ixhala lale nkqubo yezinto+ namandla akhohlisayo obutyebi ayaliminxa ilizwi, aze angabi nasiqhamo.+ 23 Leyo ke ihlwayelwe emhlabeni omhle, ngulowo ulivayo ilizwi aliqonde, aze ngokwenene avelise isiqhamo, omnye avelise ikhulu, omnye amashumi amathandathu, omnye amashumi amathathu.”+
24 Wabenzela omnye umzekeliso, esithi: “Ubukumkani bamazulu bufaniswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.+ 25 Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. 26 Lithe ke lakuhluma ikhaba laza lavelisa isiqhamo, lwandula ke ukubonakala nokhula. 27 Ngoko amakhoboka omnini-ndlu eza athi kuye, ‘Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle na entsimini yakho?+ Kwenzeka njani, ngoko, ukuba kubekho ukhula?’+ 28 Wathi kuwo, ‘Ngumntu olutshaba owenze oku.’+ Athi kuye, ‘Ngoko, ngaba ufuna siye kuluqokelela?’ 29 Wathi, ‘Hayi; hleze nithi, xa niqokelela ukhula, suke nincothule nengqolowa. 30 Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni; yaye ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu ukuze nilutshise,+ nandule ke nihlanganisele ingqolowa kuvimba wam.’”+
31 Wabenzela omnye umzekeliso,+ esithi: “Ubukumkani bamazulu bunjengokhozo lwemostade,+ awaluthabathayo umntu waza walutyala entsimini yakhe; 32 enyanisweni, oluyeyona incinane kunazo zonke iimbewu, kodwa oluthi lwakukhula luyodlule yonke imifuno lube ngumthi, zize iintaka zezulu+ zifike zakhele emasebeni awo.”+
33 Wathetha omnye umzekeliso kubo wathi: “Ubukumkani bamazulu bunjengegwele,+ awalithabathayo umfazi waza walifihla kwimilinganiselo emithathu emikhulu yomgubo, de intlama iphela yabiliswa.”
34 Zonke ezi zinto uYesu wazithetha ngemizekeliso kwizihlwele. Eneneni, wayengathethi kubo ngaphandle kwangomzekeliso;+ 35 ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe ngomprofeti owathi: “Ndiza kuwuvula umlomo wam ngemizekeliso, ndizivakalise izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.”+
36 Ngoko emva kokundulula izihlwele waya endlwini. Beza kuye abafundi bakhe bathi: “Sicacisele umzekeliso wokhula entsimini.” 37 Waphendula wathi: “Umhlwayeli wembewu entle nguNyana womntu; 38 intsimi lihlabathi;+ yona ke imbewu entle, ngoonyana bobukumkani; kodwa ukhula ngoonyana bongendawo,+ 39 kwaye utshaba olwalutyalayo nguMtyholi.+ Ukuvuna+ kukupheliswa kwenkqubo yezinto,+ yaye abavuni ziingelosi. 40 Ngoko ke, kanye njengoko ukhula luqokelelwa luze lutshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.+ 41 UNyana womntu uya kuthumela iingelosi zakhe, ziqokelele zikhuphe ebukumkanini bakhe zonke izikhubekiso+ nabantu abenza okuchasene nomthetho, 42 zibaphose ezikweni lomlilo.+ Kulapho ke baya kulila batshixize khona amazinyo abo.+ 43 Aya kuthi ke amalungisa aqaqambe+ njengelanga+ ebukumkanini bukaYise. Lowo uneendlebe makaphulaphule.+
44 “Ubukumkani bamazulu bunjengobuncwane obufihlwe entsimini, obafunyanwa ngumntu waza wabufihla; yaye ngenxa yovuyo analo uyahamba aye kuthengisa+ ngezinto anazo aze ayithenge loo ntsimi.+
45 “Kwakhona ubukumkani bamazulu bunjengomrhwebi ohambahambayo ofuna iiperile ezintle. 46 Akuba efumene iperile enye yexabiso eliphakamileyo,+ wemka kwangoko wathengisa zonke izinto awayenazo waza wayithenga.+
47 “Kwakhona ubukumkani bamazulu bunjengomnatha orhuqwayo othotywa elwandle uze uhlanganise lonke uhlobo lweentlanzi.+ 48 Wakuzala bawurholela elunxwemeni baza, bahlala phantsi, baqokelelela ezintle+ ezityeni, kodwa ezingafanelekanga+ bazilahla. 49 Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwenkqubo yezinto: ziya kuphuma iingelosi zize zahlule abangendawo+ kwabangamalungisa+ 50 zibaphose ezikweni lomlilo. Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo abo.+
51 “Niziqondile na zonke ezi zinto?” Bathi kuye: “Ewe.” 52 Wandula wathi kubo: “Ke ngoko, wonke umyaleli wasesidlangalaleni, xa efundiswe ngobukumkani bamazulu,+ unjengomntu, umnini-ndlu, okhupha kwingqwebo yobuncwane bakhe izinto ezintsha nezindala.”+
53 Wathi uYesu akuyigqiba le mizekeliso wemka ecanda kulo ilizwe. 54 Akufika kummandla wakowabo+ wabafundisa endlwini yabo yesikhungu,+ kangangokuba bathi khamnqa baza bathi: “Lo mntu ubufumene phi na obu bulumko nale misebenzi yamandla? 55 Asingonyana womchweli na lo?+ Unina akabizwa ngokuba nguMariya na, nabantakwabo asingoYakobi noYosefu noSimon noYudas na? 56 Noodade wabo, abakho kunye nathi bonke na?+ Uzifumene phi na ke yena lo mntu zonke ezi zinto?”+ 57 Ngoko bakhubeka kuye.+ Kodwa uYesu wathi kubo: “Umprofeti akaphathwa ngokungenambeko ngaphandle kwakummandla wakowabo nasendlwini yakhe.”+ 58 Kwaye akenzanga misebenzi yamandla mininzi apho ngenxa yokuswela kwabo ukholo.+