Genesis
40 Kwathi emva kwezi zinto, umngcamli+ wokumkani waseYiputa, nombhaki, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.+ 2 Yaye amcaphukisa uFaro loo magosa akhe mabini,+ intloko yabangcamli nentloko yababhaki.+ 3 Ngoko wabaphosa entolongweni, endlwini yentloko yamafanankosi,+ endlwini yentolongo,+ ndawo leyo uYosefu wayelibanjwa kuyo. 4 Intloko yamafanankosi yabela uYosefu ukuba abe kunye nabo ukuze abanyamekele;+ yaye zaqengqeleka iintsuku besentolongweni.
5 Baphupha iphupha bobabini,+ ngamnye iphupha lakhe ngabusuku bunye,+ ngamnye iphupha lakhe elahlukileyo kwelomnye,+ umngcamli nombhaki bokumkani waseYiputa ababengamabanjwa endlwini yentolongo.+ 6 Akufika kubo uYosefu kusasa, wababona bekhangeleka bedakumbile.+ 7 Waza wawabuza loo magosa kaFaro awayekunye naye entolongweni, endlwini yenkosi yakhe, esithi: “Kutheni nidakumbile nje namhlanje?”+ 8 Bathi kuye: “Siphuphe iphupha, yaye asinatoliki.” Ngoko uYosefu wathi kuwo: “AsikokukaThixo na ukutolika?+ Khanincede, nindibalisele lona.”
9 Intloko yabangcamli yambalisela uYosefu iphupha layo, yathi kuye: “Ephupheni lam, ndibone umdiliya uphambi kwam. 10 Emdiliyeni lowo kwakukho amasetyana amathathu, yaye wawungathi uhluma amathupha.+ Zadubula iintyatyambo zawo. Zavuthwa iidiliya zezihloko zawo. 11 Indebe kaFaro yayisesandleni sam, ndaza ndazithabatha iidiliya ezo ndazifaxangela endebeni kaFaro.+ Emva koko ndayinikela indebe esandleni sikaFaro.”+ 12 Wathi ke uYosefu kuyo: “Naku ukutolikwa kwalo:+ Amasetyana lawo mathathu ziintsuku ezintathu. 13 Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku uFaro uya kuyiphakamisa intloko yakho aze ngokuqinisekileyo akubuyisele kwisigxina sakho;+ kwaye uya kuyinikela ngokuqinisekileyo indebe kaFaro esandleni sakhe, ngokwesiko langaphambili xa wawusebenza njengomngcamli wakhe.+ 14 Noko ke, uze undikhumbule kamsinya nje usakulungelwa,+ yaye uze, uncede, undenzele ububele bothando, undikhankanye kuFaro,+ undikhuphe kule ndlu. 15 Ngokuba eneneni ndaqweqwediswa ezweni lamaHebhere;+ nalapha andenzanga nto konke konke, ukuba bandifake emhadini wentolongo.”+
16 Yathi yakubona intloko yababhaki ukuba utolike okuthile okulungileyo, nayo, yathi kuYosefu: “Nam ndiphuphile, yaye ndibone iingobozi ezintathu zesonka esimhlophe entlokweni yam, 17 yaye kweyona ngobozi iphezulu kwakukho zonke iintlobo zezidlo zikaFaro,+ imveliso yombhaki, kwaye zazidliwa ziintaka+ engobozini phezu kwentloko yam.” 18 Waphendula ke uYosefu wathi: “Naku ukutolikwa kwalo:+ Iingobozi ezo zintathu ziintsuku ezintathu. 19 Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku uFaro uya kuyiphakamisa isuke intloko yakho kuwe aze ngokuqinisekileyo akuxhome esibondeni;+ zize ngokuqinisekileyo iintaka ziyidle inyama yakho.”+
20 Ke kaloku ngosuku lwesithathu olo, yaba ngumhla wokuzalwa kukaFaro,+ yaye wabenzela itheko bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli nentloko yomphathi wababhaki phakathi kwabakhonzi bakhe.+ 21 Ngako oko wayibuyisela intloko yabangcamli esikhundleni sayo sobungcamli,+ yaza yayinikela indebe esandleni sikaFaro. 22 Kodwa yona intloko yababhaki wayixhoma,+ kanye njengoko uYosefu wayebatolikele.+ 23 Noko ke, intloko yabangcamli ayimkhumbulanga uYosefu, yasuka yamlibala.+