Zekariya
12 Isibhengezo:
“Ilizwi likaYehova ngokuphathelele uSirayeli,” utsho uYehova, Lowo waneka amazulu+ nobeka isiseko somhlaba+ noyila umoya+ womntu ngaphakathi kwakhe. 2 “Yabona, iYerusalem+ ndiyenza isitya esibangela ukuba zihexe zonke izizwana eziyijikelezileyo;+ noYuda uya kungqingwa, neYerusalem kanye.+ 3 Kuya kuthi ke ngaloo mini+ iYerusalem ndiyenze ilitye elinzima+ kuzo zonke izizwana. Bonke abo baliphakamisayo nakanjani na baya kukrweleka ngokuqatha; yaye ngokuqinisekileyo zonke iintlanga zomhlaba ziya kuyihlanganyela.+ 4 Ngaloo mini,”+ utsho uYehova, “ndiya kuwabetha onke amahashe+ ngokudubadubeka nabakhweli bawo ngempambano;+ naphezu kwendlu kaYuda ndiya kuwavula amehlo am,+ yaye onke amahashe ezizwana ndiya kuwabetha ngobumfama. 5 Iinkosana+ zakwaYuda kuya kufuneka zithi entliziyweni yazo, ‘Abemi baseYerusalem bangamandla am ngoYehova wemikhosi uThixo wabo.’+ 6 Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengembiza yomlilo phakathi kwemithi+ nanjengesikhuni somlilo kwizithungu ezisandul’ ukusikwa,+ kwaye zimele ziziqwenge ngasekunene nangasekhohlo zonke izizwana ezizijikelezileyo;+ iYerusalem imele ibe nabemi endaweni yayo, eYerusalem.+
7 “UYehova ngokuqinisekileyo uya kuzisindisa iintente zakwaYuda kuqala, ukuze ubuhle bendlu kaDavide nobuhle babemi baseYerusalem bungabi bukhulu kakhulu phezu koYuda. 8 Ngaloo mini uYehova uya kubakhusela abemi baseYerusalem;+ nalowo ukhubekayo phakathi kwabo umele ngaloo mini abe njengoDavide,+ nendlu kaDavide njengoThixo,+ njengengelosi kaYehova phambi kwabo.+ 9 Kuya kuthi ke ngaloo mini ndifune ukuzibhubhisa zonke iintlanga ezingenela iYerusalem.+
10 “Ndiza kuthululela phezu kwendlu kaDavide naphezu kwabemi baseYerusalem umoya wobabalo+ nezibongozo,+ kwaye ngokuqinisekileyo baya kukhangela kuLowo bamhlabayo,+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumenzela isijwili njengokwenzelwa isijwili konyana okuphela kwakhe; kuya kubakho isijwili esikrakra ngenxa yakhe njengaxa kukho isijwili esikrakra ngenxa yonyana olizibulo.+ 11 Ngaloo mini siya kuba sikhulu isijwili eYerusalem, njengesijwili saseHadadrimon ethafeni lentlambo yaseMegido.+ 12 Ngokuqinisekileyo ilizwe liya kwenza isijwili,+ intsapho nganye iyodwa; intsapho yendlu kaDavide iyodwa, nabafazi babo bebodwa;+ intsapho yendlu kaNatan+ iyodwa, nabafazi babo bebodwa; 13 intsapho yendlu kaLevi+ iyodwa, nabafazi babo bebodwa; intsapho yakwaShimeyi+ iyodwa, nabafazi babo bebodwa; 14 zonke iintsapho eziseleyo, intsapho nganye iyodwa, nabafazi bayo bebodwa.+