Genesis
6 Kuthe bakuqala ukwanda abantu phezu komhlaba bazala neentombi,+ 2 baziphawula+ ke oonyana boTHIXO oyinyaniso+ iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko; baza bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo. 3 Emva koko wathi uYehova: “Umoya wam+ awusayi kusebenza ngokungenammiselo emntwini+ ngokuba eyinyama.+ Ngako oko imihla yakhe iya kuba likhulu elinamashumi amabini eminyaka.”+
4 Kwaye kukho iiNefili emhlabeni ngaloo mihla, yaye emva koko, xa oonyana boTHIXO oyinyaniso baba neentlobano zokwazana neentombi zabantu zaza zabazalela oonyana, baba ngamadoda akudala anamandla, nadumileyo.
5 Ngenxa yoko uYehova wabona ukuba ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango+ zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.+ 6 Waza uYehova wazisola+ ngokuba ebenzile abantu emhlabeni, kwaye yaba buhlungu intliziyo yakhe.+ 7 Ngoko uYehova wathi: “Ndiza kubasusa kuthi tu phezu komhlaba abantu endibadalileyo,+ ndisusele emntwini ndise kwisilwanyana sasekhaya, nakwisinambuzane kwanakwisidalwa esiphaphazelayo sasemazulwini,+ ngokuba ndiyazisola kuba ndibenzile.”+ 8 Kodwa uNowa yena wakholeka emehlweni kaYehova.
9 Yiyo le imbali kaNowa.
UNowa wayeyindoda elilungisa.+ Wangqineka engenasiphoso phakathi kwabantu bexesha lakhe. UNowa wahamba noTHIXO oyinyaniso.+ 10 Ekuhambeni kwexesha uNowa wazala oonyana abathathu, uShem, uHam noYafete.+ 11 Umhlaba wawonakele emehlweni oTHIXO oyinyaniso+ yaye umhlaba wawuzaliswe lugonyamelo.+ 12 Ngoko uThixo wawubona umhlaba yaye, khangela! wonakele,+ kuba yonke inyama yayiyonakalisile indlela yayo emhlabeni.+
13 Emva koko uThixo wathi kuNowa: “Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam,+ kuba umhlaba uzele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona kunye nomhlaba.+ 14 Zenzele umkhombe ngomthi onentlaka.+ Uze wenze amacandelo emkhombeni, yaye umele uwugubungele ngetela+ ngaphakathi nangaphandle. 15 Nantsi indlela oya kuwenza ngayo: ubude bomkhombe bube ngamakhulu amathathu eekubhite,+ ububanzi bawo bube ngamashumi amahlanu eekubhite, kuze ukuphakama kwawo kube ngamashumi amathathu eekubhite. 16 Uze wenze itsohare [uphahla; okanye, ifestile] emkhombeni, yaye ukuyigqiba kwakho imele ibe kumlinganiselo wekubhite ukusuka phezulu, kwaye umnyango womkhombe uze uwumise ecaleni lawo;+ uwenze ube nomgangatho ongaphantsi, umgangatho wesibini nomgangatho wesithathu.
17 “Mna ke, uyabona, ndizisa unogumbe+ wamanzi emhlabeni ukuze onakalise yonke inyama asebenzayo kuyo amandla obomi+ phantsi kwamazulu. Yonke into esemhlabeni iya kubhubha.+ 18 Yaye ndikumisela umnqophiso; umele ungene emkhombeni, wena kunye noonyana bakho nomfazi wakho nabafazi boonyana bakho.+ 19 Yaye kwizidalwa zonke eziphilayo zalo lonke uhlobo lwenyama,+ uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo, ukuze zisinde kunye nawe.+ Yoba yinkunzi nemazi. 20 Kuzo izidalwa eziphaphazelayo ngohlobo lwazo nakwizilwanyana zasekhaya ngohlobo lwazo,+ kwizinambuzane zonke zomhlaba ngohlobo lwazo, uze ungenise ngambini kuzo zibe kunye nawe ukuze zisindiswe.+ 21 Wena ke, zithabathele lonke uhlobo lokutya okudliwayo;+ ukuhlanganisele kuwe, kube kukudla kwakho nazo.”+
22 Wenza ke uNowa njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.+