1 Petros
2 Ngako oko, lahlani bonke ububi+ nayo yonke inkohliso nohanahaniso nomona nazo zonke iintlobo zokudlana izithende,+ 2 yaye, njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa,+ langazelelani ubisi olungangxengwanga+ lwelizwi, ukuze ngalo nikhulele elusindisweni,+ 3 ukuba nje niye nabungcamla ububele beNkosi.+
4 Njengoko nisiza kuye njengakwilitye eliphilayo,+ eligatywayo,+ enyanisweni, ngabantu,+ kodwa elinyuliweyo nelixabisekileyo kuThixo,+ 5 nani ke niyakhiwa njengamatye aphilayo, ukuze nibe yindlu yokomoya+ ngenjongo yobubingeleli obungcwele, ukuba ninikele imibingelelo yokomoya+ eyamkelekileyo kuThixo ngoYesu Kristu.+ 6 Kuba sithi iSibhalo: “Khangela! Ndibeka eZiyon ilitye, elinyuliweyo, ilitye lembombo elisisiseko, elixabisekileyo; yaye akukho namnye ukholwayo kulo uya kudaniswa.”+
7 Uxabisekile ke kuni, nina bakholwayo; kodwa kwabo bangakholwayo, “lisuke eli litye baligatyayo+ abakhi laba yintloko yembombo,”+ 8 “nelitye lesikhubekiso nolwalwa lokubetheka.”+ Bona bayakhubeka ngenxa yokuba abalithobeli ilizwi. Phofu ke bamiselwe loo nto kakade.+ 9 Kodwa nina “nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele,+ isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo,+ ukuze nivakalise ngokubanzi iimbalasane”+ zalowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.+ 10 Kuba nanikhe anabi sisizwana, kodwa ngoku nisisizwana sikaThixo;+ naningenzelwanga nceba, kodwa ngoku nenzelwe inceba.+
11 Zintanda, ndiyanibongoza njengabaphambukeli nabemi bokwexeshana+ ukuba nizikhwebule kwiminqweno yenyama,+ enxamnye nomphefumlo.+ 12 Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga,+ ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle,+ zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.+
13 Ngenxa yeNkosi zithobeni+ kuyo yonke indalo engabantu:+ enoba kukukumkani+ njengowongamileyo, 14 okanye kukwiirhuluneli njengezithunywe nguye ukuba ziphumeze isohlwayo kubenzi-bubi kodwa zidumise abenzi bokulungileyo.+ 15 Kuba kukuthanda kukaThixo ukuba, ngokwenza kwenu okulungileyo, nibavale umlomo abo bathetha ngokungenangqiqo nangokungazi.+ 16 Yibani njengabantu abakhululekileyo,+ ukanti ningayithabathi inkululeko yenu, njengesigqubuthelo sobubi,+ kodwa njengamakhoboka kaThixo.+ 17 Bekani abantu bazo zonke iintlobo,+ yibani nothando ngomanyano lwabazalwana luphela,+ moyikeni uThixo,+ yibani nembeko kukumkani.+
18 Izicaka zendlu mazithobele+ abanini bazo ngalo lonke uloyiko olubafaneleyo,+ kungekuphela nje abalungileyo nabanengqiqo, kodwa kwanabo kunzima ukubakholisa. 19 Kuba ukuba uthile, ngenxa yesazela kuThixo, unyamezela izinto ezibuhlungu aze abandezeleke ngokungekho sikweni, kukholekile oko.+ 20 Kuba ninaludumo luni na, xa ninyamezela ukumpakazwa ngenxa yesono enisenzileyo?+ Kodwa ukuba nibandezeleka+ ngenxa yokwenza okulungileyo, nize ninyamezele, kuyamkholisa uThixo oko.+
21 Enyanisweni, nabizelwa kulo eli khondo, kuba noKristu wabandezeleka ngenxa yenu,+ enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.+ 22 Akazange enze sono,+ kungazange kufunyanwe nankohliso emlonyeni wakhe.+ 23 Xa wayetshabhiswa,+ akazange aphindise atshabhise.+ Xa wayebandezeleka,+ akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo+ ugweba ngobulungisa. 24 Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,+ ukuze singabi saba nanto yakwenza nezono+ size siphile ebulungiseni. Yaye “niye naphiliswa ngemivilambo yakhe.”+ 25 Kuba naninjengezimvu ezibhadulayo;+ kodwa ngoku nibuyele kumalusi+ nomveleli wemiphefumlo yenu.