Yohane
12 Kwiintsuku ezintandathu ngaphambi kwepasika, uYesu wafika eBhethani,+ apho kwakukho uLazaro+ lowo uYesu wayemvuse kwabafileyo. 2 Ngoko ke bamenzela isidlo sangokuhlwa apho, yaye uMarta+ wayelungiselela,+ kodwa uLazaro wayengomnye wabo babengqendeve kunye naye etafileni.+ 3 UMariya, ke ngoko, wathabatha iponti yeoli yobulawu, inadusi yokwenene,+ exabiso likhulu kakhulu, yaye wathambisa iinyawo zikaYesu waza wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe.+ Indlu yazaliswa livumba leoli yobulawu. 4 Kodwa uYudas Skariyoti,+ omnye wabafundi bakhe, owayesele eza kumngcatsha, wathi: 5 “Kutheni le oli yobulawu+ ibingathengiswa ngeedenariyo ezingamakhulu amathathu zize zinikwe amahlwempu?”+ 6 Wakutsho oku, kungekhona ngenxa yokuba wayexhalabele amahlwempu, kodwa ngenxa yokuba wayelisela+ yaye wayenebhokisi yemali+ ibe wayedla ngokuyithabatha imali eyayifakwa kuyo. 7 Ngoko ke uYesu wathi: “Myekeni, asenze esi sithethe ngenxa yemini yokungcwatywa kwam.+ 8 Kuba amahlwempu+ nisoloko nikunye nawo, kodwa mna aniyi kusoloko ninam.”
9 Ngoko ke isihlwele esikhulu samaYuda sazi ukuba wayelapho, yaye seza, kungekhona ngenxa kaYesu kuphela, kodwa kwanokubona uLazaro, awayemvuse kwabafileyo.+ 10 Ababingeleli abaziintloko baceba ukubulala kwanoLazaro,+ 11 kuba ngenxa yakhe abaninzi kumaYuda babesiya apho baze bakholwe kuYesu.+
12 Ngemini elandelayo isihlwele esikhulu esasize emthendelekweni, sakuva ukuba uYesu wayesiza eYerusalem, 13 sathabatha amasebe emithi yesundu+ saza saphuma saya kumhlangabeza. Kwaye sakhwaza sisithi:+ “Sindisa, siyakuthandaza!+ Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova,+ nokwangukumkani+ kaSirayeli!” 14 Kodwa xa uYesu wafumana iesilana,+ wahlala kulo, kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: 15 “Musa ukuba noloyiko, ntombi yaseZiyon. Khangela! Ukumkani wakho uyeza,+ ehleli phezu kwenkonyana le-esile.”+ 16 Ezi zinto abafundi bakhe abazange baziphawule kuqala,+ kodwa xa uYesu wazukiswayo,+ bandula ke bakhumbula ukuba ezi zinto zazibhaliwe ngokuphathelele yena nokuba bazenza ezi zinto kuye.+
17 Ngako oko isihlwele esasinaye xa wabiza uLazaro+ ukuba aphume kwingcwaba lenkumbulo waza wamvusa kwabafileyo sahlala sinikela ubungqina.+ 18 Ngenxa yoku isihlwele, kuba seva ngokwenza kwakhe lo mqondiso,+ naso samhlangabeza. 19 Ngoko ke abaFarisi+ bathi: “Niyabona ukuba aniyi ndawo kwaphela. Yabonani! Ihlabathi lilandele yena.”+
20 Ke kaloku kwakukho namaGrike+ athile phakathi kwabo babenyuke beza kunqula emthendelekweni. 21 Wona, ke ngoko, aya kuFilipu+ owayengowaseBhethesayida yaseGalili, aza amcela, esithi: “Mnumzana, sifuna ukubona uYesu.”+ 22 UFilipu weza waxelela uAndreya. UAndreya noFilipu beza baxelela uYesu.
23 Kodwa uYesu wabaphendula, esithi: “Lifikile ilixa lokuba uNyana womntu azukiswe.+ 24 Inene, inene, ndithi kuni, Ngaphandle kokuba ukhozo lwengqolowa luwele emhlabeni luze lufe, luhlala lulukhozo nje olunye; kodwa ukuba luyafa,+ lwandula ke luthwale isiqhamo esininzi. 25 Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe uyawutshabalalisa, kodwa lowo uwuthiyileyo umphefumlo wakhe+ kweli hlabathi uya kuwulondolozela ubomi obungunaphakade.+ 26 Ukuba nabani na unga angandilungiselela, makandilandele, yaye apho ndikhoyo mna umlungiseleli wam uya kuba lapho naye.+ Ukuba nabani na unga angandilungiselela, uBawo uya kumbeka yena.+ 27 Umphefumlo wam ukhathazekile,+ yaye ndiya kuthini na? Bawo, ndisindise kweli lixa.+ Noko ke, kungenxa yoku le nto ndifikile kweli lixa. 28 Bawo, lizukise igama lakho.” Ngoko ke kwaphuma ilizwi+ ezulwini lisithi: “Ndilizukisile yaye ndiza kulizukisa kwakhona.”+
29 Ngoko ke isihlwele esasimi malunga nalapho saza saliva sathi kududumile. Abanye bathi: “Kuthethe ingelosi kuye.” 30 Ekuphenduleni uYesu wathi: “Eli lizwi libekho, kungekhona ngenxa yam, kodwa ngenxa yenu.+ 31 Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; umlawuli weli hlabathi+ uza kuphoselwa phandle.+ 32 Ukanti mna, ukuba ndiyaphakanyiswa+ ndisuke emhlabeni, ndiya kubatsalela kum abantu bazo zonke iintlobo.”+ 33 Oku ngokwenene wayekutsho ukuze abonise ukuba luhlobo luni lokufa awayesele eza kufa ngalo.+ 34 Ngoko ke isihlwele samphendula sathi: “Seva eMthethweni ukuba uKRISTU uhlala ngonaphakade;+ yaye kwenzeka njani na ukuba uthi uNyana womntu umele aphakanyiswe?+ Ngubani na lo Nyana womntu?”+ 35 UYesu ke ngoko wathi kuso: “Ukhanyiso lusaya kuba phakathi kwenu okwethutyana. Hambani ngoxa nisenokhanyiso, khon’ ukuze ubumnyama+ bunganongameli; kwaye lowo uhamba ebumnyameni akazi apho aya khona.+ 36 Ngoxa nisenokhanyiso, bonisani ukholo kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngoonyana bokukhanya.”+
UYesu wazithetha ezi zinto waza wemka wazifihla kubo. 37 Kodwa nangona wayenze imiqondiso emininzi kangaka phambi kwabo, babengakholwa kuye, 38 khon’ ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke elo walitshoyo esithi: “Yehova, ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo?+ Yaye yona ke ingalo kaYehova, ityhileke kubani na?”+ 39 Isizathu sokuba bengakwazanga ukukholelwa sikukuba kwakhona uIsaya wathi: 40 “Yena uye wawamfamekisa amehlo abo yaye uye wazenza lukhuni iintliziyo zabo,+ ukuze bangabi nakubona ngamehlo abo baze bayifumane ingcamango ngeentliziyo zabo baze bajike ndize mna ndibaphilise.”+ 41 UIsaya wazitsho ezi zinto ngenxa yokuba walubona uzuko lwakhe,+ yaye wathetha ngaye. 42 Noko kunjalo, abaninzi kwanakubalawuli okunene bakholwa kuye,+ kodwa ngenxa yabaFarisi babengayi kumvuma yena, ukuze bangagxothwa kwindlu yesikhungu;+ 43 kuba babethanda uzuko lwabantu ngakumbi kunozuko lukaThixo.+
44 Noko ke, uYesu wadanduluka wathi: “Lowo ukholwayo kum ukholwa, kungekhona kum kuphela, kodwa kwanakulowo undithumileyo;+ 45 nalowo ubona mna ubona kwanalowo undithumileyo.+ 46 Ndize njengokhanyiso ehlabathini,+ ukuze wonk’ ubani okholwayo kum angahlali ebumnyameni.+ 47 Kodwa ukuba nabani na uyaweva amazwi am aze angawagcini, andimgwebi; kuba ndizele, kungekhona ukuligweba ihlabathi,+ kodwa ukulisindisa ihlabathi.+ 48 Lowo undigatyayo mna aze angawamkeli amazwi am unaye lowo umgwebayo. Ilizwi+ endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela; 49 ngenxa yokuba andithethanga ngokwentshukumisa yam, kodwa uBawo ondithumileyo undinike umyalelo mayela noko mandikuxele noko mandikuthethe.+ 50 Kanjalo, ndiyazi ukuba umyalelo wakhe uthetha ubomi obungunaphakade.+ Ngoko ke izinto endizithethayo, kanye njengoko uBawo endixelele zona, ndenjenjalo ukuzithetha.”+