Malaki
2 “Ke kaloku lo myalelo ngowenu, babingeleli.+ 2 Ukuba aniyi kuphulaphula,+ yaye ukuba aniyi kukubeka entliziyweni yenu+ ukunika igama lam uzuko,”+ utsho uYehova wemikhosi, “ngokuqinisekileyo ndiya kuthumela kuni isiqalekiso,+ kwaye ndiza kuziqalekisa iintsikelelo zenu.+ Ewe, nentsikelelo ndiyiqalekisile, ngenxa yokuba anikubeki entliziyweni oku.”
3 “Khangela! Ngenxa yenu ndikhalimela imbewu ehlwayelweyo,+ kwaye ndiza kuchithachitha umswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu; yaye okunene uthile uya kunithwalela kuwo. 4 Kuya kufuneka ke nazi ukuba ndithumele lo myalelo kuni,+ ukuze umnqophiso wam+ noLevi uqhubeke,”+ utsho uYehova wemikhosi.
5 “Wona ke umnqophiso wam, ubunaye, lowo wobomi nowoxolo,+ yaye ndamnika oko, kunye noloyiko. Kwaye waqhubeka endoyika;+ ewe, ngenxa yegama lam wangenwa lunkwantyo.+ 6 Wona kanye umthetho wenyaniso waba semlonyeni wakhe,+ yaye akuzange kufumaneke ntswela-bulungisa emilebeni yakhe. Wahamba nam ngoxolo nangokuthe tye,+ yaye babebaninzi nabo wababuyisayo kwisiphoso sabo.+ 7 Kuba imilebe yombingeleli ifanele igcine ukwazi, nomthetho bafanele bawufune emlonyeni wakhe abantu;+ kuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.+
8 “Kodwa nina—niphambukile endleleni.+ Nibakhubekisile abaninzi emthethweni.+ Niwonakalisile umnqophiso kaLevi,”+ utsho uYehova wemikhosi. 9 “Nam ke ngokuqinisekileyo ndiya kunenza nideleke nize nithotywe ebantwini bonke,+ ngokuba ningazigcinanga iindlela zam, kodwa nakhetha ubuso emthethweni.”+
10 “Asinabawo omnye sonke na?+ AsingoThixo omnye na osidalileyo?+ Kutheni na ukuze siqhubane ngobuqhophololo,+ sihlambela umnqophiso wookhokho bethu?+ 11 UYuda wenze ngobuqhophololo, kwaza kwenziwa into ecekisekayo kwaSirayeli naseYerusalem;+ kuba uYuda ubuhlambele ubungcwele bukaYehova,+ obo Yena abuthandileyo, kwaye uthabathe intombi yothixo wasemzini njengomtshakazi.+ 12 UYehova uya kumnqumla ngamnye okwenzayo oko,+ ovukileyo nophendulayo, ezintenteni zikaYakobi, nonikela umnikelo osisipho+ kuYehova wemikhosi.”
13 “Kwaye yinto yesibini le niyenzayo, ethi iphumele ekugutyungelweni kwesibingelelo sikaYehova ngeenyembezi, ngokulila nokuncwina, ukuze angabi sawunanza umnikelo wenu osisipho yaye ingakholeki nantoni na evela esandleni senu.+ 14 Yaye nithe, ‘Ngenxa yantoni na?’+ Ngenxa yokuba uYehova enikele ubungqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho,+ lowo wena uqhubene naye ngobuqhophololo, nangona eliqabane lakho nomfazi womnqophiso wakho.+ 15 Kukho lowo ungazange akwenze oko, njengoko wayenako okuseleyo komoya. Wayefuna ntoni na lowo? Imbewu kaThixo.+ Yaye nimele nizilinde ngokuphathelele umoya wenu,+ ungaqhubani ngobuqhophololo nomfazi wobutsha bakho.+ 16 Kuba uluthiyile uqhawulo-mtshato,”+ utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli; “nalowo ugubungele isambatho sakhe ngogonyamelo,”+ utsho uYehova wemikhosi. “Nimele nizilinde ngokuphathelele umoya wenu, yaye nimele ningenzi ngobuqhophololo.+
17 “Nimtyhafisile uYehova ngamazwi enu,+ naza nathi, ‘Simtyhafise ngayiphi na indlela?’ Ngokuthi kwenu, ‘Wonk’ ubani owenza okubi ulungile emehlweni kaYehova, yaye yena uyayoliswa ngabanjalo’;+ okanye nithi, ‘Uphi na uTHIXO wokusesikweni?’”+