Mateyu
10 Ngoko wabiza abafundi bakhe abalishumi elinesibini waza wabanika igunya koomoya abangahlambulukanga,+ ukuze babakhuphe baze baphilise lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.
2 Ngawo la+ amagama abapostile+ abalishumi elinesibini: Owokuqala, nguSimon, lowo ubizwa ngokuba nguPetros,+ noAndreya+ umntakwabo; noYakobi unyana kaZebhedi+ noYohane umntakwabo; 3 uFilipu noBhartolomeyu;+ uTomas+ noMateyu+ umqokeleli werhafu; uYakobi unyana ka-Alfeyu,+ noTadeyu; 4 uSimon umKananayi,+ noYudas Skariyoti, owathi kamva wamngcatsha.+
5 Aba balishumi elinesibini uYesu wabathumela, ebanika le miyalelo:+ “Musani ukuya kwindlela yeentlanga, kwaye ningangeni kwisixeko samaSamariya;+ 6 kodwa, esikhundleni soko, yiyani ngokuqhubekayo kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.+ 7 Njengoko nihamba, shumayelani, nithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’+ 8 Philisani abantu abagulayo,+ vusani abantu abafileyo, hlambululani abaneqhenqa, khuphani iidemon. Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.+ 9 Ningafumaneli iinxili zemibhinqo yenu igolide okanye isilivere okanye ubhedu,+ 10 okanye ingxowa yokutya yohambo, okanye izambatho zangaphantsi ezibini, okanye iimbadada okanye umsimelelo; kuba umsebénzi ufanelwe kukutya kwakhe.+
11 “Nakusiphi isixeko okanye idolophana eningena kuyo, funisisani ukuba ngubani na ofanelekayo kuyo, nize nihlale apho de nimke.+ 12 Xa ningena endlwini, ze nibabulise abakuloo ndlu; 13 yaye ukuba indlu leyo iyafaneleka, uxolo eniyinqwenelela lona malube kuyo;+ kodwa ukuba ayifaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni. 14 Naphi na apho kungekho bani uningenisayo okanye uwaphulaphulayo amazwi enu, ekuphumeni kwenu kuloo ndlu okanye kweso sixeko vuthululani uthuli ezinyaweni zenu.+ 15 Inene ndithi kuni, Kuya kunyamezeleka ilizwe laseSodom+ neGomora ngeMini Yomgwebo kuneso sixeko.+
16 “Khangelani! Ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka;+ ngoko ke zingqineni nilumkile njengeenyoka+ ukanti nimsulwa njengamahobe.+ 17 Zilindeni ngokunxamnye nabantu;+ kuba baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni,+ yaye baya kunityakatya+ kwizindlu zabo zesikhungu.+ 18 Kaloku, niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani+ ngenxa yam, ukuze kube bubungqina+ kubo nakwiintlanga. 19 Noko ke, xa beninikela, ningaxhaleli ukuba niya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into eniya kuyithetha;+ 20 kuba asinini abathethayo, kodwa ngumoya kaYihlo othetha ngani.+ 21 Ngokubhekele phaya, umzalwana+ uya kunikela umzalwana ekufeni, noyise umntwana wakhe, nabantwana baya kuvukela abazali kwaye baya kubabulalisa.+ 22 Yaye niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam;+ kodwa lowo uye wanyamezela kwasa ekupheleni ngulowo oya kusindiswa.+ 23 Xa benitshutshisa kwesinye isixeko, sabelani kwesinye;+ kuba inene ndithi kuni, anisayi kuze nisigqibe isiphaluka+ sezixeko zakwaSirayeli de uNyana womntu afike.+
24 “Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, nekhoboka alingaphezu kwenkosi yalo.+ 25 Kwanele ukuba umfundi abe njengomfundisi wakhe, nekhoboka libe njengenkosi yalo.+ Ukuba abantu babize umnini-ndlu ngokuthi nguBhelezebhubhe,+ kukangakanani na abaya kubiza abo bendlu yakhe ngolo hlobo? 26 Ngoko ke musani ukuboyika; kuba akukho nto igqutyuthelweyo ingayi kutyhileka, nemfihlelo engayi kwaziwa.+ 27 Oko ndinixelela kona ebumnyameni, kuthetheni ekukhanyeni; oko nikuva kusetyezwa, kushumayeleni phezu kwezindlu.+ 28 Kwaye ningaboyiki+ abo babulala umzimba kodwa bengenako ukubulala umphefumlo; kodwa kunoko yoyikani lowo+ unako ukutshabalalisa kokubini umphefumlo nomzimba eGehena.+ 29 Ngaba oongqatyana ababini abathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane na?+ Kanti akukho namnye kubo oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo.+ 30 Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.+ 31 Ngoko ke musani ukoyika: Nixabiseke ngaphezu koongqatyana+ abaninzi.
32 “Wonk’ ubani, ngoko, ovumayo ukuba umanyene nam phambi kwabantu, nam ndiza kuvuma ukuba ndimanyene+ naye phambi koBawo osemazulwini; 33 kodwa nabani na ondikhanyelayo phambi kwabantu, nam ndiza kumkhanyela+ phambi koBawo osemazulwini. 34 Musani ukucinga ukuba ndize kungenisa uxolo emhlabeni; ndize kungenisa, kungekhona uxolo,+ kodwa ikrele. 35 Kuba ndize kwahlukanisa indoda noyise, intombi nonina, umfazana noninazala.+ 36 Eneneni, iintshaba zomntu ziya kuba ngabantu bendlu yakhe. 37 Lowo unomsa omkhulu ngakumbi ngoyise okanye ngonina kunam akandifanele mna; nalowo unomsa kakhulu ngakumbi ngonyana okanye ngentombi kunam akandifanele mna.+ 38 Yaye nabani na ongasamkeliyo isibonda sakhe sentuthumbo aze alandele emva kwam akandifanele mna.+ 39 Lowo ufumana umphefumlo wakhe uya kulahlekelwa nguwo, nalowo ulahlekelwa ngumphefumlo wakhe ngenxa yam wowufumana.+
40 “Lowo unamkelayo wamkela nam, yaye lowo wamkela mna wamkela nalowo wandithumayo.+ 41 Lowo wamkela umprofeti ngokuba engumprofeti uya kufumana umvuzo womprofeti,+ nalowo wamkela ilungisa ngokuba lililungisa uya kufumana umvuzo welungisa.+ 42 Kwaye nabani na onika omnye waba bancinane indebe yamanzi abandayo kuphela ukuba asele kuba engumfundi, inene ndithi kuni, akasayi kuze alahlekelwe ngumvuzo wakhe.”+