1 Korinte
7 Ke kaloku ngokuphathelele izinto ezo benibhale ngazo, kuhle ngendoda ukuba ingamchukumisi+ umfazi; 2 kanti, ngenxa yokuxhaphaka kohenyuzo,+ ndoda nganye mayibe nowayo umfazi+ yaye umfazi ngamnye abe neyakhe indoda. 3 Indoda mayimnike okumfaneleyo umfazi wayo;+ kodwa nomfazi makenze ngokunjalo endodeni yakhe.+ 4 Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, kodwa yindoda yakhe enalo;+ ngokunjalo, nayo, indoda ayinagunya kowayo umzimba, kodwa ngumfazi wayo onalo.+ 5 Musani ukubandezana,+ ngaphandle kokuba kungokuvumelana okwexesha elimisiweyo,+ ukuze ninikele ixesha emthandazweni nize nibe ndawonye kwakhona, ukuze uSathana anganihendi+ ngenxa yokuswela kwenu ukuzeyisa.+ 6 Noko ke, ndisitsho nje ndiyanicebisa,+ andiyaleli.+ 7 Kodwa ndinqwenela ukuba bonke abantu bebenjengam lo.+ Noko ke, ngamnye unesiphiwo sakhe+ esivela kuThixo, omnye ngale ndlela, omnye ngalaa ndlela.
8 Ke kaloku kubantu abangatshatanga+ nabahlolokazi, ndithi kuhle ukuba bahlale benjengam.+ 9 Kodwa ukuba abanako ukuzeyisa,+ mabatshate, kuba kulunge ngakumbi ukutshata+ kunokutshiseka yinkanuko.+
10 Ke abantu abatshatileyo ndiyabayala, kanti ingendim kodwa iyiNkosi,+ ukuba umfazi ufanele angemki endodeni yakhe;+ 11 kodwa ukuba okunene uyemka, makahlale engatshatanga okanye kungenjalo axolelane nendoda yakhe; yaye indoda ayifanele imshiye umfazi wayo.
12 Kodwa kwabanye mna ndithi, ewe, mna, ingeyiyo iNkosi:+ Ukuba nawuphi na umzalwana unomfazi ongakholwayo, ukanti evuma ukuhlala naye, makangamshiyi; 13 nomfazi onendoda engakholwayo, ukanti ivuma uhlala naye, makangayishiyi indoda yakhe. 14 Kuba indoda engakholwayo iyangcwaliswa ngenxa yomfazi wayo, nomfazi ongakholwayo uyangcwaliswa ngenxa yomzalwana; kungenjalo, abantwana benu ngokwenene bebeya kuba ngabangahlambulukanga,+ kodwa ngoku bangcwele.+ 15 Kodwa ukuba lowo ungakholwayo uyemka,+ makemke; xa kunjalo umzalwana okanye udade akabotshelelwanga, kodwa uThixo unibizele eluxolweni.+ 16 Kuba, wazi njani na, wena mfazi, ukuba akuyi kuyisindisa indoda yakho?+ Okanye, wazi njani na, wena ndoda, ukuba akuyi kumsindisa umfazi wakho?+
17 Kuphela, njengoko uYehova enike ngamnye isahlulo,+ ngamnye makahambe njengoko uThixo embizile.+ Yaye ndimisela+ ngaloo ndlela kuwo onke amabandla. 18 Kukho nawuphi na umntu owabizwa alukile?+ Makangabi ngongalukanga. Kukho nawuphi na umntu owabizwa engalukanga?+ Makangaluki.+ 19 Ulwaluko+ aluthethi nto, nokungaluki+ akuthethi nto, kodwa okuyinto kukugcina imiyalelo kaThixo.+ 20 Nakweyiphi na imo ngamnye awabizwa ekuyo,+ makahlale kuyo.+ 21 Wabizwa ulikhoboka na? Makungakukhathazi oko;+ kodwa ukuba unako ukukhululeka, lixhakamfule elo thuba. 22 Kuba nabani na eNkosini owabizwa elikhoboka ungumkhululwa weNkosi;+ ngokunjalo nalowo wabizwa engokhululekileyo+ ulikhoboka+ likaKristu. 23 Nathengwa ngexabiso;+ musani ukuba ngamakhoboka+ abantu. 24 Nakweyiphi na imeko+ ngamnye awabizwa ekuyo, bazalwana, makahlale kuyo enxulumene noThixo.
25 Ke kaloku ngokuphathelele abo banyulu andinamyalelo uvela eNkosini, kodwa ndinikela uluvo lwam+ ngokwalowo wenzelwa inceba yiNkosi+ ukuba athembeke.+ 26 Ngoko ke, ngenxa yentswelo esinayo, ndicinga ukuba kuhle ukuba umntu aqhubeke enjengoko anjalo.+ 27 Ubotshelelwe emfazini na?+ Yeka ukufuna ukukhululeka.+ Ukhululwe na emfazini? Yeka ukufuna umfazi. 28 Kodwa kwanokuba ubuthe watshata, ubungayi kuba wenza sono.+ Yaye ukuba umntu onyulu utshatile, onjalo ebengayi kuba wenza sono. Noko ke, abo benjenjalo baya kuba nembandezelo enyameni yabo.+ Kodwa mna ndiconga nina.
29 Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha eliseleyo lifinyele.+ Ukususela ngoku abo banabafazi mababe njengabangenabo,+ 30 kwanabo balilayo babe njengabangaliliyo, nabo banemihlali babe njengabangenamihlali, nabo bathengayo babe njengabangenanto, 31 nabo balisebenzisayo eli hlabathi+ babe njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo; kuba imeko yeli hlabathi iyatshintsha.+ 32 Eneneni, ndifuna ukuba nikhululeke exhaleni.+ Indoda engatshatanga ixhalela izinto zeNkosi, indlela enokuzuza ngayo inkoliseko yeNkosi. 33 Kodwa indoda etshatileyo ixhalela+ izinto zehlabathi, indlela enokuzuza ngayo inkoliseko yomfazi wayo,+ 34 yaye yahlulelene. Ngokubhekele phaya, ibhinqa elingatshatanga, eliyintombi enyulu, lixhalela izinto zeNkosi,+ ukuze libe ngcwele emzimbeni walo nasemoyeni walo. Noko ke, umfazi otshatileyo uxhalela izinto zehlabathi, indlela anokuzuza ngayo inkoliseko yendoda yakhe.+ 35 Kodwa oku ndikutsho ngenxa yengenelo yenu yobuqu, kungekhona ukuze ndiniphosele irhintyela, kodwa ukuze ndinishukumisele koko kufanelekileyo+ noko kuthetha ukukhonza iNkosi rhoqo ngaphandle kwesiphazamiso.+
36 Kodwa ukuba nabani na ucinga ukuba uziphatha ngokungafanelekanga ngobunyulu bakhe,+ ukuba uthe wadlula entlahleni yobutsha, yaye le yindlela ekufanele kwenzeke ngayo, makenze oko akufunayo; akoni. Mabatshate.+ 37 Kodwa ukuba nabani na uzimisele entliziyweni yakhe, engenayo intswelo, kodwa enegunya lokwenza ukuthanda kwakhe yaye enze isigqibo entliziyweni yakhe, sokugcina ubunyulu bakhe, uya kuba wenza kakuhle.+ 38 Ngenxa yoko kwanalowo unikela ubunyulu bakhe emtshatweni wenza kakuhle,+ kodwa lowo ungabunikeliyo emtshatweni uya kuba wenza kakuhle ngakumbi.+
39 Umfazi ubotshiwe ebudeni balo lonke ixesha indoda yakhe iphila.+ Kodwa ukuba indoda yakhe ingalala ekufeni, ukhululekile ukuba atshatiselwe kulowo amfunayo, kuphela eNkosini.+ 40 Kodwa unoyolo ngakumbi ukuba uhlala enjengoko anjalo,+ ngokoluvo lwam. Ngokuqinisekileyo ndicinga ukuba nam ndinomoya kaThixo.+