1 Korinte
11 Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.+
2 Ke kaloku ndiyanincoma ngokusoloko nindikhumbula yaye nibambelele nkqi kwizithethe+ endininike zona. 3 Kodwa ndifuna nazi ukuba intloko yayo yonke indoda nguKRISTU;+ intloko yomfazi yindoda;+ intloko kaKRISTU nguThixo.+ 4 Yonke indoda ethandaza okanye eprofeta ithwele into entloko ihlazisa intloko yayo;+ 5 kodwa wonke umfazi othandaza okanye oprofeta+ intloko yakhe ingenasigqubuthelo uhlazisa intloko yakhe,+ kuba kufana nokuba ebengumfazi ochetywe intloko.+ 6 Kuba ukuba umfazi akazigqubutheli, makachetywe; kodwa ukuba kulihlazo ukuba umfazi achetywe okanye agugulwe,+ makabe nesigqubuthelo.+
7 Indoda ayifanele ibe nesigqubuthelo entlokweni yayo, njengoko ingumfanekiso+ nozuko lukaThixo;+ kodwa umfazi uluzuko lwendoda.+ 8 Kuba indoda ayiphumi mfazini, kodwa ngumfazi ophume endodeni;+ 9 yaye, ngaphezu koko, akuzange kudalwe ndoda ngenxa yomfazi, kodwa umfazi ngenxa yendoda.+ 10 Kungenxa yoko le nto umfazi efanele abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko yakhe+ ngenxa yeengelosi.+
11 Ngaphandle koko, eNkosini akubikho mfazi ngaphandle kwendoda kungabikho nandoda ngaphandle komfazi.+ 12 Kuba kanye njengoko umfazi ephuma endodeni,+ ngokunjalo nendoda ibakho ngomfazi;+ kodwa zonke izinto ziphuma kuThixo.+ 13 Zigwebeleni ngokwenu: Kufanelekile na ukuba umfazi athandaze engenasigqubuthelo kuThixo? 14 Ayinifundisi na imvelo ngokwayo ukuthi ukuba indoda ineenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo; 15 kodwa ukuba umfazi uneenwele ezinde, luzuko+ oko kuye? Ngenxa yokuba unikwe iinwele zakhe esikhundleni sesigqubuthelo sentloko.+ 16 Noko ke, ukuba nawuphi na umntu ubonakala ephikisa+ ngenxa yelinye isiko,+ thina asinalo elinye, engenalo namabandla kaThixo.
17 Kodwa, ngoxa ndiniyala, andinincomi, ngenxa yokuba nihlangana ndawonye, kungekhona ngenxa yokulunge ngakumbi, kodwa ngenxa yokubi ngakumbi.+ 18 Kuba okokuqala nje, xa nibuthelana ebandleni, ndiva ukuba kubakho ukwahlukana phakathi kwenu;+ yaye ngomlinganiselo othile ndiyakukholelwa oko. 19 Kambe ke kumele kubekho amahlelo+ phakathi kwenu, ukuze abantu abakholekileyo babonakale phakathi kwenu.+
20 Ngoko ke, xa nibuthelana ndawonye, akwenzeki ukuba nitye isidlo sangokuhlwa seNkosi.+ 21 Kuba, ekusityeni kwenu, ngamnye uzithabathela kuqala esidlweni sangokuhlwa, aze omnye alambe kodwa omnye ayotywe. 22 Ngokuqinisekileyo ninazo izindlu zokutyela nokusela, akunjalo?+ Okanye nilidelile na ibandla likaThixo, nibenza babe neentloni nje abo bangenanto?+ Ndithini na kuni? Ndinincome na? Andinincomi.
23 Kuba ndakwamkela eNkosini oko ndakunikezela kuni, okokuba iNkosi uYesu ngobusuku+ eyayiza kunikelwa ngabo yathabatha isonka 24 yaye, emva kokubulela, yasiqhekeza+ yaza yathi: “Oku kuthetha umzimba wam+ ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”+ 25 Yenza ngokunjalo nangokuphathelele indebe,+ emva kokuba ifumene isidlo sangokuhlwa, isithi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha+ ongegazi lam.+ Ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.”+ 26 Kuba ngamaxesha onke+ enisukuba nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nihlala nibhengeza ukufa+ kweNkosi, ide ifike.+
27 Ngenxa yoko nabani na otya isonka okanye osela indebe yeNkosi ngokungafanelekanga uya kuba netyala+ ngokuphathelele umzimba negazi+ leNkosi. 28 Kuqala umntu makazicikide,+ aze ke asitye isonka, ayisele nendebe. 29 Kuba lowo utyayo aze asele uzityela yaye uziselela umgwebo+ ngokunxamnye naye ukuba akawuphicothi umzimba. 30 Kungenxa yoko le nto abaninzi phakathi kwenu bebuthathaka yaye beyimilwelwe, beliqela nabalele+ ekufeni. 31 Kodwa ukuba besiziphicotha oko sikuko, besingayi kugwetywa.+ 32 Noko ke, xa sigwetywa,+ siyaqeqeshwa nguYehova,+ ukuze singagwetyelwa+ isohlwayo kunye nehlabathi.+ 33 Ngenxa yoko, bazalwana bam, xa nithe nabuthelana ndawonye ukuba nisitye,+ lindanani. 34 Ukuba nabani na ulambile, makatye ekhaya,+ ukuze ukubuthelana kwenu ndawonye kunganiziseli ukugwetywa.+ Kodwa imibandela eseleyo ndiza kuyilungisa ndakuba ndifikile apho.