Efese
4 Mna, ke ngoko, endilibanjwa+ eNkosini, ndiyanibongoza ukuba nihambe ngokulufaneleyo+ ubizo enabizwa ngalo,+ 2 ngokuthobeka okupheleleyo kwengqondo+ nobulali, ninokuzeka kade umsindo,+ ninyamezelana ngothando,+ 3 nikuzabalazela ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.+ 4 Mnye umzimba,+ mnye nomoya,+ kwananjengokuba nabizelwa thembeni linye+ elo nabizelwa kulo; 5 inye iNkosi,+ lunye ukholo,+ lunye ubhaptizo;+ 6 mnye uThixo+ noYise wabo bonke abantu, ophezu kwabo bonke nangabo bonke nakubo bonke.
7 Ke kaloku ngamnye wethu wanikwa ububele obungasifanelanga+ ngokwendlela uKRISTU awasilinganisela ngayo isipho sesisa.+ 8 Ngoko ke uthi: “Xa wenyukela phezulu wathabatha abathinjwa; wanikela izipho ezingabantu.”+ 9 Ke kaloku ibinzana elithi “wenyukela,”+ lingaba lithetha ukuthini ngaphandle kokuba wathi kanjalo wehlela kwimimandla esezantsi, oko kukuthi, emhlabeni?+ 10 Lowo kanye wehlayo ikwangulowo wenyukela+ ngaphezulu lee kwawo onke amazulu,+ ukuze azalise+ zonke izinto.
11 Yaye bambi wabanika ukuba babe ngabapostile,+ bambi babe ngabaprofeti,+ bambi babe ngabavangeli,+ bambi babe ngabalusi nabafundisi,+ 12 ngenjongo yokulungiswa+ kwabo bangcwele, ukwenzela umsebenzi wobulungiseleli, ukuze kwakhiwe umzimba kaKRISTU,+ 13 de sonke sifikelele kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo, ekukhuleleni ebudodeni obupheleleyo,+ kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKRISTU;+ 14 ukuze singabi saba ziintsana, sikhukuliswa+ ngamaza yaye siphetshethwa yiyo yonke imimoya yeemfundiso+ zabakhohlisi+ abalahlekisa abantu ngobuqhokolo. 15 Kodwa njengoko sithetha inyaniso,+ masithi ngalo uthando sikhule+ ezintweni zonke kuye lowo uyintloko,+ uKristu. 16 Ngokuphuma kuye, wonke umzimba,+ ngokumanyaniswa ndawonye ngemvisiswano uze wenziwe usebenzisane ngelungu ngalinye elifeza indima yalo, ngokokusebenza kwelungu ngalinye ngomlinganiselo ofanelekileyo, wenza ukuba umzimba ukhule ukuze wakheke eluthandweni.+
17 Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuba ningabi saqhubeka nihamba njengokuhamba kweentlanga+ ngamampunge eengqondo zazo,+ 18 ngoxa zisebumnyameni ngengqondo,+ yaye zahlukanisiwe+ nobomi bukaThixo, ngenxa yokungazi okukuzo,+ ngenxa yokuqaqadeka+ kweentliziyo zazo. 19 Zingasaziva konke konke ngokokuziphatha,+ zizinikele kwihambo evakalala+ ukuze zisebenze ukungahlambuluki+ kwalo lonke uhlobo zibawa.+
20 Kodwa nina animfundanga enjalo uKRISTU,+ 21 ukuba nje, eneneni, namva naza nafundiswa ngaye,+ kanye njengoko inyaniso+ ikuye uYesu, 22 yokuba nifanele nibulahle ubuntu obudala+ obuvisisana nehambo yenu yangaphambili nobonakaliswe+ yiminqweno yabo ekhohlisayo;+ 23 kodwa mawahlaziyeke amandla engqondo yenu,+ 24 nambathe+ ubuntu obutsha+ obadalwa+ ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso+ nokunyaniseka.
25 Ngoko ke, ekubeni nikulahlile ukuxoka,+ ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane+ wakhe, ngenxa yokuba singamalungu omnye elomnye.+ 26 Qumbani, kodwa ningoni;+ malingatshoni ilanga nicaphukile,+ 27 ningamvuleli indawo uMtyholi.+ 28 Lowo ubayo makangabi seba,+ kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe,+ ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.+ 29 Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu,+ kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.+ 30 Kanjalo, musani ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo,+ eniye natywinwa ngawo+ ukwenzela imini yokukhululwa ngentlawulelo.+
31 Mabususwe kuni bonke ubukrakra+ bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa+ nabo bonke ububi.+ 32 Kodwa yibani nobubele+ omnye komnye, nibe nemfesane,+ nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.+