Mateyu
7 “Musani ukugweba+ ukuze ningagwetywa; 2 kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani;+ nomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.+ 3 Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso?+ 4 Okanye ungatsho njani na kumzalwana wakho ukuthi, ‘Ndivumele ndikhuphe udiza elisweni lakho’; ngoxa, khangela! umqadi uselisweni lakho?+ 5 Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi kwelakho iliso, yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha udiza elisweni lomzalwana wakho.
6 “Musani ukukunika izinja+ okungcwele, neeperile zenu ningaziphosi phambi kweehagu, hleze zizinyathele+ ngeenyawo zize zijike ziniqwenge.
7 “Qhubekani nicela,+ niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza,+ niya kuvulelwa. 8 Kuba wonk’ ubani ocelayo uyamkela,+ nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. 9 Eneneni, akukho mntu phakathi kwenu onokuthi ukuba unyana wakhe+ ucela isonka—asuke amnike ilitye, andibi kunjalo? 10 Okanye, mhlawumbi, ukuba ucela intlanzi—akayi kumnika inyoka, andibi kunjalo? 11 Ngoko ke, ukuba nina, nangona ningendawo,+ niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukubanika izinto ezilungileyo+ abo bamcelayo!
12 “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni,+ yenzani ngokunjalo nani kubo; oku, enyanisweni, koko kuthethwa nguMthetho nabaProfeti.+
13 “Ngenani ngesango elimxinwa;+ ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; 14 kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.+
15 “Baphapheleni abaprofeti+ bobuxoki abeza kuni ngezambatho zeegusha,+ kodwa ngaphakathi beziingcuka eziqwengayo.+ 16 Nobaqonda+ ngeziqhamo zabo. Abantu abahlanganisi iidiliya emeveni okanye amakhiwane enkunzaneni, andibi kunjalo?+ 17 Ngokunjalo wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle, kodwa wonke umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esingento yanto;+ 18 umthi olungileyo awunako ukuthwala isiqhamo esingento yanto, nomthi obolileyo awunako ukuvelisa isiqhamo esihle. 19 Wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa uze uphoswe emlilweni.+ 20 Ngokwenene, ke ngoko, niya kubaqonda ngeziqhamo zabo abo bantu.+
21 “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa ngulowo wenza+ ukuthanda kukaBawo osemazulwini oya kungena.+ 22 Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, ‘Nkosi, Nkosi,+ asizange na siprofete egameni lakho, sakhupha iidemon egameni lakho, senza imisebenzi emininzi yamandla egameni lakho?’+ 23 Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi!+ Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.+
24 “Ngoko ke wonk’ ubani owevayo la mazwi am aze awenze uya kufaniswa nendoda eyingqondi, eyakha indlu yayo phezu kolwalwa.+ 25 Yagaleleka imvula, zafika nezikhukula, yavuthuza nemimoya, yabetha kuloo ndlu, kodwa ayizange idilike, kuba yayisekwe phezu kolwalwa. 26 Ngapha koko, wonk’ ubani owevayo la mazwi am aze angawenzi+ uya kufaniswa nendoda esisidenge,+ eyakha indlu yayo phezu kwentlabathi. 27 Yagaleleka imvula, zafika nezikhukula, yavuthuza nemimoya, yabetha kuloo ndlu+ yaza yadilika, kwaba kukhulu ukuwohloka kwayo.”+
28 Ke kaloku akuwagqiba uYesu la mazwi, zathi khamnqa+ izihlwele yindlela yakhe yokufundisa; 29 kuba wayefundisa njengomntu onegunya,+ kungekhona njengababhali bazo.