Efese
2 Ngapha koko, nina [uThixo unenze naphila] nangona nanifile kwizigqitho nezono zenu,+ 2 enanikhe ngaxesha lithile nahamba kuzo ngokwenkqubo+ yezinto yeli hlabathi, ngokomlawuli+ wegunya lomoya, moya+ lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.+ 3 Ewe, sonke ngaxesha lithile sasikhe saziphatha ngokuvisisana neminqweno yenyama+ yethu siphakathi kwabo, sisenza izinto ezithandwa yinyama+ naziingcamango, yaye ngokwemvelo sasingabantwana bengqumbo+ njengabanye. 4 Kodwa uThixo, osisityebi ngenceba,+ ngenxa yothando lwakhe olukhulu awasithanda ngalo,+ 5 wasenza saphila ndawonye noKRISTU, kwanaxa sasifile kwizigqitho+—kambe ke niye nasindiswa ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga+— 6 yaye wasivusa+ ndawonye waza wasihlalisa ndawonye kwezasezulwini iindawo+ ngokumanyene noKristu Yesu, 7 ukuze abubonakalise kwiinkqubo zezinto ezizayo+ ubutyebi+ obugqwesileyo bobubele bakhe obungasifanelanga, ngokusibabala kwakhe ngokumanyene+ noKristu Yesu.
8 Eneneni, ngabo obu bubele bungasifanelanga, niye nasindiswa ngokholo;+ yaye oku akubanga ngenxa yenu,+ kusisipho sikaThixo.+ 9 Hayi, akubanga ngenxa yemisebenzi,+ ukuze kungabikho mntu uba nasizathu sakuqhayisa.+ 10 Kuba siyimveliso yomsebenzi wakhe+ yaye sadalwa+ ngokumanyene+ noKristu Yesu ngenxa yemisebenzi elungileyo,+ leyo uThixo wayimisela kwangaphambili+ ukuba sihambe kuyo.
11 Ngoko ke hlalani nikhumbula ukuba ngaphambili naningabantu beentlanga ngokwasenyameni;+ kwakusithiwa “ningabangalukanga” ngabo “bolwaluko” olwenziwa enyameni ngezandla+— 12 ngalo lona elo xesha naningenaye uKristu,+ nahlukanisiwe+ kwisizwe sikaSirayeli, ningabasemzini kwiminqophiso yesithembiso,+ ningenathemba+ yaye ningenaye uThixo ehlabathini.+ 13 Kodwa ngoku ngokumanyene noKRISTU Yesu nina enanikade nikude niye naba kufuphi ngalo igazi+ likaKristu. 14 Kuba uluxolo lwethu,+ yena lowo wawenza amaqela amabini+ aba liqela elinye+ waza walutshabalalisa udonga+ oluphakathi olwaluluthango+ oluwahlukanisayo. 15 Ngenyama yakhe+ wabubhangisa ubutshaba,+ uMthetho nemiyalelo nemimiselo yawo,+ ukuze azidale ezi zizwana zibini+ zibe ngumntu omnye omtsha+ ngokumanyene naye ngokwakhe aze enze uxolo; 16 nokuze athi mzimbeni+ mnye azixolelanise+ ngokupheleleyo noThixo ezi zizwana zibini ngaso isibonda sentuthumbo,+ ngenxa yokuba ebubulele ubutshaba+ ngaye ngokwakhe. 17 Yaye weza wavakalisa iindaba ezilungileyo zoxolo+ kuni, nina enikude, noxolo kwabo bakufuphi,+ 18 ngenxa yokuba ngaye thina, zizwana zibini,+ sisondela+ kuBawo ngamoya mnye.+
19 Ngokuqinisekileyo, ke ngoko, anisengabo abasemzini+ nabaphambukeli,+ kodwa ningabemi abangamadlelane+ abo bangcwele+ yaye ningamalungu endlu+ kaThixo, 20 yaye nakhelwe phezu kwesiseko+ sabapostile+ nabaprofeti,+ ngoxa uKristu Yesu ngokwakhe elilitye lembombo lesiseko.+ 21 Ngokumanyene naye isakhiwo siphela, esihlonyelwe ndawonye ngemvisiswano,+ sikhulela ekubeni yitempile engcwele kaYehova.+ 22 Ngokumanyene naye,+ nani, nakhelwa ndawonye ekubeni yindawo yokumiwa nguThixo ngomoya.+