Yohane
10 “Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ungangeni ngomnyango+ kwisibaya sezimvu, osuka akhwele ndaweni yimbi, ulisela nomphangi.+ 2 Kodwa lowo ungena ngomnyango+ ngumalusi+ wezimvu.+ 3 Umgcini-mnyango+ uyamvulela lowo, yaye izimvu+ ziyaliphulaphula ilizwi lakhe, kwaye izimvu zakhe uzibiza ngamagama aze azikhokelele ngaphandle. 4 Xa ezikhuphile zonke ezakhe, uhamba phambi kwazo, zize izimvu zimlandele,+ ngenxa yokuba ziyalazi ilizwi lakhe.+ 5 Owasemzini aziyi kumlandela kodwa ziya kusaba kuye,+ kuba azilazi ilizwi labasemzini.”+ 6 UYesu wawuthetha kubo lo mzekeliso; kodwa babengakuqondi oko wayekuthetha kubo.+
7 Ngoko ke kwakhona uYesu wathi: “Inene, inene, ndithi kuni, Ndim umnyango+ wezimvu. 8 Bonke abo baye beza esikhundleni sam bangamasela nabaphangi;+ kodwa izimvu azibaphulaphulanga.+ 9 Ndim umnyango;+ nabani na ongena ngam uya kusindiswa, yaye uya kungena ephuma aze afumane idlelo.+ 10 Isela+ alizi ngaphandle kokuba lizele ukuba nokubulala nokutshabalalisa.+ Mna ndizele ukuba zibe nobomi yaye zibe nabo ngokuyintabalala. 11 Ndingumalusi omhle;+ umalusi omhle unikezela umphefumlo wakhe ngenxa yezimvu.+ 12 Umqeshwa,+ ongengomalusi nezingezozakhe izimvu, uthi akubona ingcuka isiza, azishiye izimvu, asabe—ize ingcuka izixhwile, izichithachithe+— 13 ngenxa yokuba ungumqeshwa+ yaye akazikhathalele izimvu.+ 14 Ndingumalusi omhle, kwaye ndiyazazi izimvu zam+ nezimvu zam ziyandazi,+ 15 kanye njengoko uBawo endazi mna nam ndimazi uBawo;+ yaye ndinikezela umphefumlo wam ngenxa yezimvu.+
16 “Ndinazo nezinye izimvu,+ ezingezizo ezesi sibaya;+ nazo ezo ndimele ndize nazo, yaye ziya kuliphulaphula ilizwi lam,+ zize zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.+ 17 Kungenxa yoko le nto uBawo endithanda,+ kuba ndiyawunikezela umphefumlo wam,+ ukuze ndiwufumane kwakhona. 18 Akukho mntu uwuthabathileyo kum, kodwa ndiwunikezela ngokwam. Ndinegunya lokuwunikezela, yaye ndinegunya lokuwufumana kwakhona.+ Umyalelo+ woku ndiwufumene kuBawo.”
19 Kwakhona ahlukana+ phakathi amaYuda ngenxa yala mazwi. 20 Abaninzi kuwo babesithi: “Unedemon+ yaye uphambene. Kutheni nimphulaphula nje?” 21 Abanye babesithi: “La asingomazwi omntu ophethwe yidemon. Idemon ayinakuvula amehlo abantu abaziimfama, akunjalo?”
22 Ngelo xesha kwabakho umthendeleko wonikezelo eYerusalem. Kwakusebusika, 23 yaye uYesu wayehamba etempileni kwivaranda kaSolomon.+ 24 Ngoko ke amaYuda amrhawula aza athi kuye: “Koda kube nini na uyigcine imiphefumlo yethu ithingaza? Ukuba unguKRISTU,+ sixelele ngokuphandle.”+ 25 UYesu wawaphendula wathi: “Ndinixelele, naza anakholelwa. Imisebenzi endiyenzayo egameni likaBawo, yona inikela ubungqina ngam.+ 26 Kodwa anikholelwa, ngenxa yokuba aniyiyo nanye yezimvu zam.+ 27 Izimvu zam+ ziyaliphulaphula ilizwi lam, kwaye ndiyazazi, zona ziyandilandela.+ 28 Ndizinika ubomi obungunaphakade,+ yaye aziyi kuze zitshatyalaliswe,+ kungekho namnye uya kuzixhwila esandleni sam.+ 29 Oko andinike kona uBawo+ kuyinto enkulu ngakumbi kunazo zonke ezinye izinto,+ yaye akukho bani unokuzixhwila esandleni sikaBawo.+ 30 Mna noBawo sibanye.”+
31 Aphinda amaYuda aphakamisa amatye ukuze amxulube.+ 32 UYesu waphendula wathi kuwo: “Ndibonakalise kuni imisebenzi emininzi emihle ivela kuBawo. Nindixuluba ngenxa yawuphi na kuloo misebenzi?” 33 AmaYuda amphendula athi: “Sikuxuluba, kungekhona ngenxa yomsebenzi omhle, kodwa ngenxa yokunyelisa,+ kwanangenxa yokuba wena, nangona ungumntu, uzenza uthixo.”+ 34 UYesu wawaphendula wathi: “Akubhalwanga na eMthethweni+ wenu kwathiwa, ‘Ndathi: “Ningoothixo”’?+ 35 Ukuba wababiza ngokuthi ‘oothixo’+ abo leza nxamnye nabo ilizwi likaThixo, yaye iSibhalo asinakuphuthiswa,+ 36 nitsho na nina kum lowo uBawo wamngcwalisayo waza wamthumela ehlabathini ukuthi, ‘Uyanyelisa,’ ngenxa yokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?+ 37 Ukuba andiyenzi imisebenzi+ kaBawo, musani ukundikholelwa. 38 Kodwa ukuba ndiyayenza, kwanakuba ningandikholelwa, yikholelweni imisebenzi,+ ukuze nazi yaye niqhubeke nisazi ukuba uBawo umanyene nam, nam ndimanyene noBawo.”+ 39 Ngoko ke azama kwakhona ukumbamba;+ kodwa waphuma akabi nakumfikelela.+
40 Waphinda waya phesheya kweYordan kwindawo apho uYohane wayebhaptiza+ khona kuqala, waza wahlala apho. 41 Yaye abantu abaninzi beza kuye, baza bathi: “UYohane, eneneni, akenzanga namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo uYohane ngalo mntu kuyinyaniso.”+ 42 Kwaye abaninzi bakholwa kuye apho.+