Yakobi
2 Bazalwana bam, ukholo lwenu eNkosini yethu uYesu Kristu, eluzuko lwethu,+ alunamkhethe,+ andibi kunjalo? 2 Kuba, ukuba apho nihlanganisene+ khona kungena umntu onemisesane yegolide eminweni yakhe nonesinxibo esimbejembeje, kungene kwanomntu olihlwempu onesinxibo esinyhukunyhuku,+ 3 nize nikhangele ngobabalo+ lowo unesinxibo esimbejembeje nithi: “Hlala apha kwindawo entle,” nithi kulowo ulihlwempu: “Yima phaya wena,” okanye: “Hlala apha ngasesihlalweni seenyawo zam,” 4 aniyi kuba niyacalulana na kwanodwa,+ nizenza abagwebi+ abenza izigqibo ezingendawo?+
5 Phulaphulani, bazalwana bam abaziintanda. UThixo wanyula amahlwempu+ eli hlabathi ukuba abe zizityebi+ elukholweni neendlalifa zobukumkani, awabuthembisayo kwabo bamthandayo,+ akunjalo? 6 Nina ke, nimhlazisile umntu olihlwempu. Izityebi ziyanicinezela,+ yaye zinirhuqela phambi kweenkundla zomthetho,+ akunjalo? 7 Ziyalinyelisa+ igama elihle enabizwa ngalo,+ akunjalo? 8 Ukuba ke niyawuzalisa umthetho wakomkhulu,+ ngokwesibhalo esithi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu,”+ nenza kakuhle. 9 Kodwa ukuba niqhubeka nibonisa umkhethe,+ niyona, kuba niyohlwaywa ngumthetho+ njengabanxaxhayo.
10 Lowo uwugcina wonke uMthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke.+ 11 Kuba lowo wathi: “Uze ungakrexezi,”+ wakwathi: “Uze ungabulali.”+ Ukuba, ke, akukrexezi kodwa uyabulala, unxaxhile emthethweni. 12 Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa ngomthetho wenkululeko.+ 13 Kuba lowo ungenanceba uya kugwetywa ngokungenanceba.+ Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
14 Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu athi unokholo+ kodwa abe engenayo imisebenzi?+ Olo kholo alunako ukumsindisa, andibi kunjalo?+ 15 Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela, eswele ukutya okulingene imini,+ 16 aze omnye kuni athi kubo: “Hambani ngoxolo, nifudumale, nihluthe,” kodwa ningabaniki izinto abazisweleyo, kunceda ngantoni oko?+ 17 Ngoko ke, nalo ukholo, ukuba alunamisebenzi,+ lufile.
18 Wosuka omnye athi: “Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi. Ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi, mna ndokubonisa ukholo lwam ngemisebenzi yam.”+ 19 Uyakholwa ukuba kukho uThixo omnye, akunjalo?+ Wenza kakuhle. Ukanti needemon ziyakholwa zize zityhwatyhwe.+ 20 Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ulambathayo, ukuba ukholo olungenamisebenzi alunto yanto? 21 UAbraham ubawo wethu+ akazange na avakaliswe elilungisa ngemisebenzi emva kokuba wanikela ngoIsake unyana wakhe phezu kwesibingelelo?+ 22 Uyabona ukuba ukholo lwakhe lwaluhambisana nemisebenzi yakhe, lwaza lwenziwa lwagqibelela ukholo lwakhe ngayo imisebenzi yakhe,+ 23 sazaliseka ke isibhalo esithi: “UAbraham wakholwa kuYehova, kwaza oko kwabalelwa kuye njengobulungisa,”+ waza wabizwa ngokuba “ngumhlobo kaYehova.”+
24 Niyabona ukuba umntu uvakaliswa elilungisa+ ngemisebenzi,+ kungekhona ngokholo lodwa.+ 25 Ngokufanayo akazange na noRahabhi+ ihenyukazi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi, emva kokuba wabamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abathunywa waza wabakhupha ngandlela yimbi?+ 26 Eneneni, njengoko umzimba ngaphandle komoya ufile,+ ngokunjalo nokholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.+