1 Timoti
4 Noko ke, ilizwi eliphefumlelweyo lithi ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha+ laxa abathile beya kuphambuka+ elukholweni, benikela ingqalelo kumazwi aphefumlelweyo alahlekisayo+ nakwiimfundiso zeedemon,+ 2 ngohanahaniso lwabantu abathetha ubuxoki,+ abazazela zabo+ ziphawulwe ngokungathi kungentsimbi yokutshisela; 3 besalela ukuba kutshatwe,+ nokuba kudliwe+ izinto uThixo awazidalela+ ukuba zamkelwe ngombulelo ngabo banokholo+ nabayazi ngokuchanileyo inyaniso. 4 Kaloku yonke indalo kaThixo isulungekile,+ ngoko ke makungabikho nto igatywayo+ xa yamkelwe ngombulelo,+ 5 kuba iyangcwaliseka ngalo ilizwi likaThixo nangokuthandazelwa.
6 Ngokunikela la macebiso kubazalwana uya kuba ngumlungiseleli omhle kaKristu Yesu, owondliwe ngamazwi okholo nawemfundiso+ entle oye wayilandela ngokusondeleyo.+ 7 Uze uwamangale amabali obuxoki+ ahlambela oko kungcwele, abaliswa ngabafazi abadala. Kunoko, yiba nosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo.+ 8 Kuba ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane; kodwa lona uzinikelo lobuthixo+ luyingenelo kuzo zonke izinto,+ njengoko lusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.+ 9 Ithembekile yaye ifanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo loo ngxelo.+ 10 Kuba kungenxa yoko le nto sisebenza nzima yaye siyazibhokoxa,+ ngokuba sibeke ithemba lethu+ kuThixo ophilayo, onguMsindisi+ wazo zonke iintlobo zabantu,+ ngokukodwa abo bathembekileyo.+
11 Qhubeka unikela le miyalelo+ yaye ufundisa ngayo.+ 12 Makungabikho mntu ubujongela phantsi ubutsha bakho.+ Kunoko, yiba ngumzekelo+ wabo bathembekileyo+ ngokuthetha, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.+ 13 Qhubeka uzibhokoxa kufundo+ lwasesidlangalaleni,+ ekubongozeni nasekufundiseni, ndide ndifike. 14 Musa ukungasikhathaleli isiphiwo+ esikuwe owasinikwa ngoko kwakuxelwe kwangaphambili+ naxa iqumrhu lamadoda amakhulu lakubeka izandla.+ 15 Ziphonononge ezi zinto;+ wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili+ kubonakale ebantwini bonke. 16 Zilumkele wena+ nemfundiso yakho.+ Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.+