Hebhere
6 Ngenxa yesi sizathu, ekubeni ngoku sidlulile kwimfundiso esisiqalelo+ engoKristu,+ masixhinele ekuqoleni,+ singabeki esinye isiseko kwakhona+ ngokuphathelele inguquko kwimisebenzi efileyo,+ nokholo kuThixo,+ 2 nemfundiso ngobhaptizo+ nokubekwa kwezandla,+ novuko lwabafileyo+ nomgwebo ongunaphakade.+ 3 Yaye siya kukwenza oku, ukuba eneneni uThixo uyasivumela.+
4 Kuba ngokubhekisele kwabo babeye bakhanyiselwa kwaba kanye qwaba,+ nabaye bangcamla isipho sesisa sasezulwini,+ nabaye baba nesabelo kumoya oyingcwele,+ 5 nabaye balingcamla+ ilizwi elihle likaThixo namandla enkqubo yezinto ezayo,+ 6 kodwa abaye baphambuka,+ akunakwenzeka ukuba babuyiselwe enguqukweni,+ ngenxa yokuba bona ngokwabo bambethelela ngokutsha uNyana kaThixo baze bamhlazise esidlangalaleni.+ 7 Ngokomzekelo, umhlaba ofunxa iimvula ezinayo, uze uvelise utyani obubalungeleyo abo ulinyelwe bona,+ uyasikelelwa nguThixo. 8 Kodwa ukuba uvelisa ameva nenkunzane, uyagatywa, uqalekiswe;+ uze uphelele ekutshisweni.+
9 Noko ke, nina zintanda, nakuba sithetha ngolu hlobo nje, seyiseke kukuba nikwimeko elunge ngakumbi esa elusindisweni. 10 UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe,+ ngokuthi nilungiselele abangcwele+ yaye nisaqhubeka nibalungiselela. 11 Kodwa sinqwenela ukuba ngamnye wenu akhuthale ngokufanayo khon’ ukuze nibe nokuqiniseka ngokupheleleyo+ ngethemba+ lenu kude kuse ekupheleni,+ 12 ukuze ningadangali,+ kodwa nibe ngabaxelisa+ abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.+
13 Kuba xa uThixo wenza isithembiso sakhe kuAbraham,+ ekubeni kungekho nabani na omkhulu kunaye awayenokufunga+ ngaye, wafunga ngaye siqu, 14 esithi: “Ngokuqinisekileyo ndiya kukusikelela ngayo intsikelelo, yaye ndiya kukwandisa ngokuphindaphindiweyo.”+ 15 Ngaloo ndlela emva kokuba uAbraham ebonise umonde, wasifumana esi sithembiso.+ 16 Kuba abantu bafunga ngalowo mkhulu kunabo,+ yaye isifungo sabo siyayiphelisa impikiswano, njengoko sisisiqinisekiso esisemthethweni kubo.+ 17 NoThixo ke, xa wayefuna ukuqinisekisa iindlalifa+ zesithembiso ngokungatshintsheki+ kwecebo lakhe, wenza isifungo, 18 ukuze, ngokuphathelele ezi zinto zimbini zingatshintshekiyo nekungenakwenzeka ukuba axoke ngazo uThixo,+ sikhuthazeke, thina baye basabela kwigwiba lakhe, ukuba sibambelele kwithemba+ elibekwe phambi kwethu. 19 Eli themba+ sinalo elifana neankile yomphefumlo, liqinisekile yaye liqinile, lide lifikelele ngaphaya kwekhuselo,+ 20 apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu,+ waza waba ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeki ngonaphakade.+