1 Korinte
9 Andikhululekanga na?+ Andingompostile na?+ Andimbonanga na uYesu iNkosi yethu?+ Aningomsebenzi wam na nina eNkosini? 2 Ukuba andingompostile kwabanye, ngokuqinisekileyo ndinguye kuni, kuba nina nilitywina eliqinisekisa+ ubupostile bam eNkosini.
3 Ndenjenje ukuzithethelela kwabo bandincinayo:+ 4 Sinegunya lokutya+ nokusela, akunjalo? 5 Sinegunya lokuthabatha udade njengomfazi,+ kwanjengabanye abapostile nabantakwab’ eNkosi+ noKefas,+ akunjalo? 6 Okanye ndim noBharnabhas+ kuphela na abangenalo igunya lokuyeka kumsebenzi wempangelo?+ 7 Ngubani na okha akhonze njengejoni ngezakhe iindleko? Ngubani na otyala isidiliya aze angatyi esiqhameni saso?+ Okanye ngubani na owalusa umhlambi aze angatyi nxalenye yobisi lomhlambi?+
8 Ndizithetha ngemilinganiselo yabantu na ezi zinto?+ Okanye awuzitsho na nawo uMthetho+ ezi zinto? 9 Kuba emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa: “Uze ungayifaki isicheme inkunzi yenkomo xa ibhula ukutya okuziinkozo.”+ Ziinkunzi zeenkomo na azikhathaleleyo uThixo? 10 Okanye oku ukutsho ngokupheleleyo ngenxa yethu na? Ngokwenene kwabhalwa ngenxa yethu,+ ngenxa yokuba umntu olimayo ufanele alime ngethemba, nomntu obhulayo ufanele enjenjalo ngethemba lokuba nesabelo.+
11 Ukuba sihlwayele izinto zokomoya+ kuni, kuyinto enkulu na ukuba siza kuvuna izinto zenyama kuni?+ 12 Ukuba abanye abantu bathabath’ inxaxheba kweli gunya phezu kwenu,+ asenjinjalo kakhulu na thina? Noko ke, asilisebenzisanga eli gunya,+ kodwa sinyamezela zonke izinto, ukuze singazithinteli iindaba ezilungileyo+ ezingoKRISTU. 13 Anazi na ukuba abantu abenza imisebenzi engcwele batya+ izinto ezisetempileni, yaye abo bakhonza rhoqo+ esibingelelweni baba nesahlulo sabo kunye nesibingelelo? 14 Ngale ndlela, kwanayo, iNkosi yamisela+ ukuba abo babhengeza iindaba ezilungileyo baphile ngazo iindaba ezilungileyo.+
15 Kodwa andibangi nalinye kula malungiselelo.+ Yaye nokubhala kwam oku, andizami kubanga wona. Ndixolele ukufa kunokwenjenjalo—yaye akukho mntu unokukuphuthisa oku kuqhayisa kwam!+ 16 Ukuba ndivakalisa iindaba ezilungileyo,+ andinasizathu sakuqhayisa, kuba oko kuyimfuneko.+ Yeha ke+ mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo! 17 Ukuba ndikwenza oku ngokuzithandela,+ ndinomvuzo;+ kodwa ukuba ndikwenza ngokunxamnye nokuthanda kwam, noko kunjalo ndiphathiswe ubugosa.+ 18 Uyintoni, ngoko, umvuzo wam? Ukukuba ndizivakalise iindaba ezilungileyo ngaphandle kweendleko,+ ukuze ndingalisebenzisi kakubi igunya lam kwiindaba ezilungileyo.
19 Kuba, nakuba ndikhululekile kubo bonke abantu, ndizenze ngokwam ndalikhoboka+ kubo bonke, ukuze ndizuze+ inkoliso yabantu. 20 Yaye ngoko kumaYuda ndaba njengomYuda,+ ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho,+ nakuba mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho,+ ukuze ndibazuze abo baphantsi komthetho. 21 Kwabo bangenamthetho+ ndaba njengongenamthetho,+ nangona ndingenguye ongenamthetho kuThixo kodwa ndiphantsi komthetho+ kuKristu,+ ukuze ndibazuze abo bangenamthetho. 22 Kwababuthathaka ndaba buthathaka, ukuze ndibazuze ababuthathaka.+ Ndiye ndaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo,+ ukuze ngandlela zonke ndisindise abathile. 23 Kodwa ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane+ nabanye ngazo.
24 Anazi na ukuba iimbaleki+ elugqatsweni zibaleka zonke, kodwa inye kuphela eyamkela umvuzo?+ Balekani+ ngendlela yokuba niwufumane.+ 25 Ngaphezu koko, wonke umntu oba nenxaxheba kukhuphiswano uqhelisela ukuzeyisa+ kuzo zonke izinto. Kambe ke, bona benjenjalo ukuze bafumane isithsaba esinokonakala,+ kodwa thina eso singenakonakala.+ 26 Ngoko ke, indlela endibaleka+ ngayo asiyiyo eyokungaqiniseki; indlela endalathisa ngayo izithonga zam yeyokuze ndingabethi umoya;+ 27 kodwa ndiyawuqoba umzimba wam+ ndize ndiwuphathe njengekhoboka, ukuze, emva kokuba ndishumayele kwabanye, mna ngokwam ndingabi ngongakholekanga+ ngandlel’ ithile.