1 Yohane
3 Hayi ubukhulu bothando+ lukaBawo kuthi, lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo;+ yaye singabo. Kungenxa yoko le nto ihlabathi+ lingasazi, ngenxa yokuba alimazanga yena.+ 2 Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo,+ kodwa okwangoku akukabonakaliswa oko siya kuba kuko.+ Siyazi kona ukuba xa sukuba ebonakaliswa+ siya kuba njengaye,+ ngenxa yokuba siya kumbona kanye njengoko anjalo.+ 3 Bonke abanalo eli themba kuye, bayazisulungekisa+ kanye njengoko yena esulungekile.+
4 Bonke abasenzayo isono+ benza okuchasene nomthetho,+ ngoko ke isono+ sikukuchas’ umthetho. 5 Niyazi nokuba yena wabonakaliswa ukuze asuse izono zethu,+ yaye akukho sono+ kuye. 6 Bonke abamanyene+ naye abasiqheliseli isono;+ akukho namnye uqhelisela isono ombonileyo okanye ofikelele ekumazini yena.+ 7 Bantwana abancinane, makungabikho nabani na unilahlekisayo; lowo uqhubeka esenza ubulungisa ulilungisa, kanye njengoko yena elilungisa.+ 8 Lowo uqhubeka esenza isono uphuma kuMtyholi, ngenxa yokuba uMtyholi ubesona ukususela ekuqaleni.+ Wabonakaliselwa+ le njongo uNyana kaThixo, yokuba ayichithe imisebenzi kaMtyholi.+
9 Bonke abazelwe nguThixo abaqhubeki nesono,+ ngenxa yokuba imbewu Yakhe ihleli kubo, yaye abasiqheliseli isono, ngenxa yokuba bazelwe nguThixo.+ 10 Yiyo ke le indlela ababonakala ngayo abantwana bakaThixo nabantwana bakaMtyholi: Bonke abangaqhubekiyo besenza ubulungisa+ abaphumi kuThixo, kukwanjalo nangalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.+ 11 Kuba esi sisigidimi enasivayo kwasekuqaleni,+ ukuba sithandane;+ 12 singabi njengoKayin, owaphuma kulowo ungendawo waza wambulala+ ngogonyamelo umntakwabo. Yaye kwakutheni ukuze ambulale ngogonyamelo? Kwakungenxa yokuba imisebenzi yakhe yayingendawo,+ kodwa yona eyomntakwabo yayiyeyobulungisa.+
13 Musani ukumangaliswa, bazalwana, kukuba ihlabathi linithiyile.+ 14 Thina siyazi ukuba sidlulile ekufeni sangena ebomini,+ ngenxa yokuba siyabathanda abazalwana.+ Lowo ungenaluthando uhleli ekufeni.+ 15 Lowo umthiyileyo+ umzalwana wakhe usisibulala-mntu,+ yaye niyazi ukuba akukho sibulala-mntu+ sinobomi obungunaphakade obuhleliyo kuso.+ 16 Uthando+ silubone kwinto yokuba yena wanikela umphefumlo wakhe ngenxa yethu;+ ngoko ke nathi simele sinikele imiphefumlo yethu ngenxa yabazalwana bethu.+ 17 Kodwa nabani na onezinto zokuxhasa ubomi+ zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele,+ kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye,+ lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo?+ 18 Bantwana abancinane, masingathandi+ ngazwi nangamlomo,+ kodwa ngezenzo+ nangenyaniso.+
19 Yiyo ke leyo indlela esiya kwazi ngayo ukuba siphuma kuyo inyaniso,+ yaye siya kuziqinisekisa iintliziyo zethu phambi kwakhe 20 ngokubhekisele kuko nakuphi na oko iintliziyo zethu ezisenokusigwebela isohlwayo kuko,+ ngenxa yokuba uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.+ 21 Zintanda, ukuba iintliziyo zethu azisigwebeli sohlwayo, sinenkululeko yokuthetha kuye uThixo;+ 22 yaye nantoni na esiyicelayo siyayamkela kuye,+ ngenxa yokuba siyayigcina imiyalelo yakhe kwaye siyazenza izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.+ 23 Eneneni, lo ngumyalelo wakhe, ukuba sibe nokholo egameni loNyana wakhe uYesu Kristu+ yaye sithandane,+ kanye njengoko wasiyalelayo. 24 Ngaphezu koko, lowo uyigcinayo imiyalelo yakhe umanyene naye,+ naye umanyene nomntu onjalo; yaye ukuba umanyene nathi,+ sikwazi ngenxa yomoya+ awasinika wona.