1 Yohane
5 Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguKRISTU bazelwe nguThixo,+ yaye bonke abamthandayo lowo wazalayo bayamthanda nalowo uzelweyo nguye.+ 2 Ngako oko sazi ngale nto ukuba siyabathanda+ abantwana bakaThixo,+ ngokuthi simthande uThixo yaye senze imiyalelo yakhe.+ 3 Kuba ukumthanda+ uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe;+ kwaye ayinzima imiyalelo yakhe,+ 4 ngenxa yokuba yonk’ into eye yazalwa+ nguThixo iyaloyisa ihlabathi.+ Lulo ke olu uloyiso+ esiloyise+ ngalo ihlabathi, ukholo lwethu.+
5 Ngubani lowo uloyisayo+ ihlabathi+ ngaphandle kwalowo ukholwayo+ ukuba uYesu unguNyana kaThixo?+ 6 Lo ngulowo weza ngamanzi negazi, uYesu Kristu; kungengamanzi+ kuphela, kodwa ngamanzi nangegazi.+ Yaye umoya+ uyakungqina oko, kuba umoya uyinyaniso. 7 Ngokuba bathathu abanikela ubungqina, 8 ngumoya+ namanzi+ negazi,+ yaye aba bathathu bayavumelana.+
9 Ekubeni sibamkela ubungqina babantu,+ bona ke ubungqina bukaThixo bukhulu ngakumbi, bungqina+ obo uThixo abunikelayo ngokuphathelele uNyana wakhe. 10 Umntu okholwayo kuNyana kaThixo unabo ubungqina+ ngaphakathi kwakhe. Umntu ongakholwayo kuThixo umenze ixoki,+ ngenxa yokuba akakholwanga kubungqina obunikelweyo,+ obo aye uThixo njengengqina+ wabunikela ngokuphathelele uNyana wakhe. 11 Yaye obu bungqina bunikelweyo, bukukuba, uThixo usinike ubomi obungunaphakade,+ yaye obu bomi bukuNyana wakhe.+ 12 Lowo unaye uNyana unabo obu bomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo akanabo obu bomi.+
13 Ndinibhalela ezi zinto ukuze nazi ukuba ninabo ubomi obungunaphakade,+ nina enikholwayo egameni loNyana kaThixo.+ 14 Yaye sinentembelo yokuba,+ kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.+ 15 Njengoko sisazi ukuba uyasiva kuko konke esikucelayo,+ siyazi ke ukuba siza kuzifumana izinto esizicelileyo kuye.+
16 Ukuba umntu uthe wabona umzalwana wakhe esenza isono esingasingisi kufeni,+ makambongozele, yaye yena uya kumnika ubomi+ lowo wenze isono esingasingisi kufeni. Sikho ke nesono esisingisa ekufeni.+ Anditsho ukuthi makacelele sona.+ 17 Yonke intswela-bulungisa isisono;+ ukanti kukho isono esingasingisi kufeni.
18 Siyazi ukuba bonke abantu abazelwe nguThixo+ abasiqheliseli isono, kuba Lowo+ uzelweyo nguThixo ungumlindi wabo, ngoko ke ongendawo akanandlela yakubambelela nkqi kubo.+ 19 Siyazi ukuba thina singabakaThixo,+ kodwa ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.+ 20 Ke siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile,+ wasinika amandla okuqonda+ ukuze simazi lowo uyinyaniso.+ Yaye simanyene+ nalowo uyinyaniso, ngoNyana wakhe uYesu Kristu. Lo nguThixo oyinyaniso+ nobomi obungunaphakade.+ 21 Bantwana abancinane, zilindeni kuzo izithixo.+