Yakobi
5 Yizani kaloku, nina zityebi,+ lilani, nibhomboloze ngenxa yosizi olunizelayo.+ 2 Ubutyebi benu bubolile, nezambatho zenu zangaphezulu zidliwe ngamanundu.+ 3 Igolide nesilivere yenu idliwe vuthu ngumhlwa, yaye umhlwa wazo uya kuba bubungqina nxamnye nani, uzidle iinxalenye zenyama yenu. Niqwebe+ okuthile okunjengomlilo+ ngeemini zokugqibela.+ 4 Khangelani! Imivuzo yabasebenzi abavuna amasimi enu eniyibambileyo,+ iyaqhubeka idanduluka,+ nezimemezo zokucela uncedo+ zabavuni zingenile ezindlebeni+ zikaYehova wemikhosi. 5 Niye naphila kubunewunewu emhlabeni, nazinikela kuyolo lwenkanuko yenyama.+ Nizityebisile iintliziyo zenu ngomhla wokuxhela.+ 6 Nimgwebele isohlwayo, nambulala lowo ulilungisa. Yena akanichasanga na?+
7 Yibani nomonde, ke ngoko, bazalwana, de ibe bubukho+ beNkosi. Khangelani! Umlimi usilinda ngomonde isiqhamo esixabisekileyo somhlaba, ade afumane imvula yokuqala nemvula yamva.+ 8 Nani yibani nomonde;+ ziqiniseni iintliziyo zenu, ngenxa yokuba ubukho beNkosi busondele.+
9 Musani ukukhalazelana, bazalwana, khon’ ukuze ningafumani ukugwetywa.+ Khangelani! UMgwebi umi phambi kweminyango.+ 10 Bazalwana, bathabatheni njengomzekelo+ wokunyamezela ububi+ nowokuqhelisela umonde+ abaprofeti,+ ababethetha egameni likaYehova.+ 11 Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela.+ Nivile ngonyamezelo lukaYobhi,+ nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo,+ ngokuba uYehova unomsa omkhulu nenceba.+
12 Ngaphezu koko ke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba kungezulu okanye ngomhlaba okanye nangantoni na enye.+ Kodwa uEwe wenu makabe nguEwe, noHayi wenu, abe nguHayi, khon’ ukuze ningeyeli ekugwetyweni.+
13 Ngaba kukho nabani na ova ububi phakathi kwenu? Makaqhubeke ethandaza.+ Ngaba kukho nabani na onemincili? Makavume iindumiso.+ 14 Ngaba kukho nabani na ogulayo phakathi kwenu?+ Makabizele kuye amadoda amakhulu+ ebandla, aze wona amthandazele, amthambise ngeoli+ egameni likaYehova. 15 Yaye umthandazo wokholo uya kumphilisa lowo ungaphilanga,+ uYehova amvuse.+ Kanjalo, ukuba uye wenza izono, uya kuxolelwa.+
16 Ngoko ke zivumeni ekuhleni+ izono zenu omnye komnye nize nithandazelane, ukuze niphiliswe.+ Isikhungo somntu olilungisa, xa sisebenza, sinamandla amakhulu.+ 17 UEliya wayengumntu oneemvakalelo ezinjengezethu,+ ukanti wathandazela ukuba kungani mvula;+ yaye akuzange kune emhlabeni iminyaka emithathu neenyanga ezintandathu. 18 Wathandaza kwakhona, laza izulu lanika imvula nomhlaba wavelisa isiqhamo sawo.+
19 Bazalwana bam, ukuba nabani na phakathi kwenu ulahlekisiwe enyanisweni aze omnye ambuyise,+ 20 yazini ukuba lowo ubuyisa umoni kwisiphoso+ sakhe uwusindisile umphefumlo wakhe ekufeni,+ wagubungela inkitha yezono.+