Kolose
3 Noko ke, ukuba navuswa+ kunye noKRISTU, qhubekani nifuna izinto zaphezulu,+ apho ahleli khona uKRISTU ngasekunene kukaThixo.+ 2 Gcinani iingqondo zenu zimiliselwe kwizinto zaphezulu,+ kungekhona kwizinto zasemhlabeni.+ 3 Kuba nafa,+ yaye ubomi benu+ bufihlakele kunye noKRISTU ngokumanyene+ noThixo. 4 Xa uKRISTU, obubomi bethu,+ ebonakaliswa, niya kwandula ke nani nibonakaliswe+ kunye naye eluzukweni.+
5 Bhubhisani,+ ke ngoko, amalungu enu omzimba+ asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini,+ umnqweno owenzakalisayo, nokubawa,+ okulunqulo-zithixo. 6 Iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo.+ 7 Nani aba, nanikhe nahamba kuzo kanye ezo zinto, ngoxa nanifudula niphila kuzo.+ 8 Kodwa ngoku ngokwenene lahlani konke,+ ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo,+ nantetho ingamanyala+ emlonyeni wenu. 9 Musani ukuxokisana.+ Buhlubeni ubuntu obudala+ kunye noqheliselo lwabo, 10 nize nambathe ubuntu obutsha,+ obuthi ngolwazi oluchanileyo benziwe bube butsha ngokomfanekiso+ waLowo wabudalayo, 11 apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nakungaluki, kungekho wasemzini, namSkitiya, nakhoboka, nokhululekileyo,+ kodwa uKristu uzizinto zonke yaye ukubo bonke.+
12 Ngako oko, njengabanyulwa bakaThixo,+ abangcwele nabathandwayo, yambathani umsa wemfesane,+ ububele, ukuthobeka kwengqondo,+ ubulali,+ nokuzeka kade umsindo.+ 13 Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa+ ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela+ omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa,+ yenzani njalo nani. 14 Ke, phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando,+ kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.+
15 Kanjalo, uxolo+ lukaKRISTU malulawule ezintliziyweni zenu,+ kuba, enyanisweni, nabizelwa kulo mzimbeni mnye.+ Yaye hlalani ninombulelo. 16 Ilizwi likaKRISTU malihlale kuni ngokobutyebi ninabo bonke ubulumko.+ Qhubekani nifundisana+ kwaye nilulekana ngeendumiso,+ ngemibongo kuThixo, ngeengoma zokomoya+ ninombulelo, nimvumela ezintliziyweni zenu uYehova.+ 17 Yaye nakuphi na enikwenzayo ngelizwi okanye ngomsebenzi,+ yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu,+ nimbulela+ uThixo uBawo ngaye.
18 Nina bafazi, wathobeleni+ amadoda enu, njengoko kufanelekile eNkosini. 19 Nina madoda, hlalani nibathanda abafazi benu,+ ningavuthi ngumsindo ngakubo.+ 20 Nina bantwana, bathobeleni+ abazali benu ezintweni zonke, kuba oko kukholekile eNkosini. 21 Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu,+ ukuze bangadakumbi. 22 Nina makhoboka, bathobeleni ezintweni zonke abo baziinkosi zenu ngokwenyama,+ kungekhona nje xa nibonwa, njengabakholisi babantu,+ kodwa ngokunyaniseka kwentliziyo, ngokoyika uYehova.+ 23 Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela+ ngokungathi niyenzela uYehova,+ kungekhona abantu, 24 kuba niyazi ukuba niya kuwamkela kuYehova+ umvuzo ofanelekileyo welifa.+ Yibani ngamakhoboka eNkosi, uKristu.+ 25 Ngokuqinisekileyo lowo wenza ububi uya kuvuzwa+ ngokobubi obo abenzileyo, yaye akukho kukhetha buso.+