Efese
6 Bantwana, bathobeleni abazali benu+ ngokumanyene+ neNkosi, kuba oku kububulungisa:+ 2 “Beka uyihlo nonyoko”;+ wona lowo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi:+ 3 “Ukuze kulunge kuwe uze uhlale ixesha elide emhlabeni.”+ 4 Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu,+ kodwa qhubekani nibakhulisela+ kwingqeqesho+ nasekweyiselweni kwengqondo+ kuYehova.
5 Nina makhoboka, bathobeleni abo baziinkosi zenu ngengqiqo yokwenyama,+ ngoloyiko nokungcangcazela+ kokunyaniseka kweentliziyo zenu, njengakuye uKRISTU, 6 kungekhona nje xa nibonwa, njengabakholisi babantu,+ kodwa njengamakhoboka kaKristu, nisenza ukuthanda kukaThixo ngomphefumlo uphela.+ 7 Yibani ngamakhoboka anotyekelo olulungileyo, njengakuye uYehova,+ kungekubo abantu, 8 kuba niyazi ukuba ngamnye, nakuphi na okulungileyo asenokukwenza, uya kwamkeliswa ngako nguYehova,+ enoba ulikhoboka okanye ungokhululekileyo.+ 9 Nani zinkosi, qhubekani nisenza okufanayo kuwo, niyeke ukusongela,+ kuba niyazi ukuba iNkosi yawo kunye nani+ isemazulwini, yaye akukho kukhetha buso+ kuyo.
10 Okokugqibela, qhubekani nizuza amandla+ eNkosini nasekomeleleni+ kwayo. 11 Yambathani sonke isikrweqe+ sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga+ kaMtyholi; 12 kuba sizamazamana,+ kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente,+ namagunya,+ nabalawuli+ behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya+ abangendawo kwezasezulwini iindawo. 13 Ngenxa yoku thabathani sonke isikrweqe sikaThixo,+ ukuze nikwazi ukuxhathisa ngemini embi nize, nakuba nenze zonke izinto ngokucokisekileyo, nime niqinile.+
14 Yimani niqinile, ke ngoko, nibhinqe+ inyaniso+ ezinqeni zenu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa,+ 15 neenyawo zenu+ nizixhobisele iindaba ezilungileyo zoxolo.+ 16 Ngaphezu kwezinto zonke, thabathani ikhaka elikhulu lokholo,+ enothi ngalo nikwazi ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo.+ 17 Kanjalo, yamkelani isigcina-ntloko+ sosindiso, nekrele+ lomoya,+ oko kukuthi, ilizwi likaThixo,+ 18 ngoxa ngazo zonke izihlandlo niqhubeka nithandaza+ ngako konke ukuthandaza nokukhunga nikuwo umoya.+ Yaye ngenxa yoko hlalani niphaphile rhoqo kwaye nikhunga ngenxa yabo bonke abo bangcwele, 19 kwanangenxa yam, ukuze ndinikwe amandla okuthetha+ ekuvuleni kwam umlomo, ndinenkululeko yokuthetha+ ukuze ndiyazise imfihlelo engcwele yeendaba ezilungileyo,+ 20 endithi ngenxa yazo ndisebenze njengonozakuzaku+ ndisemixokelelwaneni; ukuze ndithethe ngenkalipho ngazo njengoko ndifanele kukuthetha njalo.+
21 Ke kaloku ukuze nazi ngemicimbi yam, mayela nendlela endiqhuba ngayo, uTikiko,+ umzalwana oyintanda nongumlungiseleli othembekileyo eNkosini, uya kunazisa yonk’ into.+ 22 Ndimthumela kanye ngenxa yale njongo kuni, ukuze anazise ngayo yonke imeko yethu nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu.+
23 Ngamana abazalwana bangaba noxolo nothando ndawonye nokholo oluvela kuThixo uBawo neNkosi uYesu Kristu. 24 Ngamana ububele obungasifanelanga+ bungaba nabo bonke abo bayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala.