Genesis
2 Agqitywa ke amazulu nomhlaba nawo wonke umkhosi wawo.+ 2 Yaye ngosuku lwesixhenxe uThixo wawugqiba umsebenzi wakhe awayewenzile, waza ke waphumla ngosuku lwesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awayewenzile.+ 3 Wandula ke uThixo walusikelela usuku lwesixhenxe waza walungcwalisa, kuba uThixo waphumla ngalo kuwo wonke umsebenzi wakhe awudalileyo, wawenza.+
4 Yiyo ke le imbali yamazulu nomhlaba ngexesha lokudalwa kwawo, ngosuku uYehova uThixo awenza ngalo umhlaba nezulu.+
5 Ke kaloku ayengekaveli amatyholo asendle emhlabeni yaye bungekahlumi utyani basendle, kuba uYehova uThixo wayengekanisi mvula+ emhlabeni yaye kwakungekho mntu wakuwulima umhlaba. 6 Kodwa kwakunyuka inkungu+ emhlabeni ize ikunyakamise konke okuphezu komhlaba.+
7 Wandula ke uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli+ lomhlaba+ waza wavuthela impefumlo yobomi+ emathatheni akhe, umntu ke waba ngumphefumlo ophilayo.+ 8 Ngokubhekele phaya, uYehova uThixo watyala umyezo e-Eden,+ ngasempuma, waza wambeka khona umntu abembumbile.+ 9 Ngoko uYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo emehlweni nelungele ukudliwa kwanomthi wobomi+ emyezweni phakathi nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.+
10 Ke kaloku kwaye kukho umlambo ophuma e-Eden wokuwunyakamisa umyezo, yaye ukusuka apho wawusahlukana ube ziimbaxa ezine. 11 Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze ilizwe laseHavila+ liphela, apho kukho igolide. 12 Igolide yelo lizwe intle.+ Kukwakho nentlaka yebhideliyu+ nelitye leanikis.+ 13 Yaye igama lomlambo wesibini yiGihon; nguwo lowo ujikeleze ilizwe lakwaKushe liphela. 14 Yaye igama lomlambo wesithathu yiHidekeli;+ nguwo lowo uya ngasempuma kwaseAsiriya.+ Yaye umlambo wesine ngumEfrate.+
15 Wandula ke uYehova uThixo wamthabatha umntu waza wambeka emyezweni wase-Eden+ ukuba awulime aze awunyamekele.+ 16 Kwaye uYehova uThixo wamwisela lo myalelo umntu: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele.+ 17 Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.”+
18 Wahlabela mgama ke uYehova uThixo wathi: “Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.”+ 19 Ke kaloku uYehova uThixo wabumba ngomhlaba onke amarhamncwa asendle nazo zonke izidalwa eziphaphazelayo zasemazulwini, waza wazizisa emntwini ukuze abone ukuba wothini na ukuthiya ngasinye sazo; yaye oko umntu awuthiye ngako, mphefumlo ngamnye ophilayo,+ yaba ligama lawo elo.+ 20 Ngoko umntu wazithiya amagama zonke izilwanyana zasekhaya nezidalwa eziphaphazelayo zasemazulwini nawo onke amarhamncwa asendle, kodwa yena umntu akafunyanelwanga mncedi wokuba ngumphelelisi wakhe. 21 Ngoko ke uYehova uThixo wawisa ubuthongo obunzulu+ emntwini, waza ngoxa elele, wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe waza wavala ngenyama endaweni yalo. 22 Walwakha ke uYehova uThixo ubambo abeluthabathe endodeni lwaba ngumfazi waza wamzisa endodeni.+
23 Yandula ke indoda yathi:
“Ekugqibeleni eli ke lithambo lasemathanjeni am
Nenyama yasenyameni yam.+
Lo yena ukubizwa kothiwa nguMfazi,
Kuba uthatyathwe endodeni.”+
24 Kungenxa yoko le nto indoda iya kumshiya uyise nonina,+ inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.+ 25 Baye bobabini behamba ze,+ indoda leyo nomfazi wayo, ukanti babengenazintloni.+