Ingoma. Uncuthu lwengoma ka-Asafu.+
83 Owu Thixo, musa ukuthula;+
Musa ukuqhubeka ungathethi, yaye musa ukuthi cwaka, Wena Ungokobuthixo.+
2 Kuba, khangela! iintshaba zakho ziyaxokozela;+
Nabo bakuthiye kakhulu bayiphakamisile intloko yabo.+
3 Ngobuqhokolo bagqugula ngabantu bakho;+
Yaye babenzela amayelenqe abafihliweyo bakho.+
4 Bathe: “Yizani masibatshayeleni njengohlanga,+
Ukuze igama likaSirayeli lingabuyi likhunjulwe.”+
5 Kuba bacebisene ngokumanyeneyo ngentliziyo;+
Benza umnqophiso nxamnye nawe,+
6 Iintente zikaEdom+ nezamaIshamayeli, uMowabhi+ namaHagri,+
7 UGebhali noAmoni+ noAmaleki,
ElamaFilisti+ kunye nabemi baseTire.+
8 KwaneAsiriya izihlanganise nabo;+
Bayingalo koonyana bakaLote.+ Seʹlah.
9 Yenza kubo njengakwiMidiyan,+ njengakuSisera,+
NjengakuYabhin+ entlanjeni yaseKishon.+
10 Babhujiswa e-Endore;+
Baba ngumgquba womhlaba.+
11 Ke zona izidwangube zabo, ezi zenze zibe njengo-Orebhi noZehebhe,+
NanjengoZebha nanjengoTsalmuna zonke iindwalutho zabo,+
12 Abathe: “Masizidle ilifa iindawo zokuhlala zikaThixo ngokwethu.”+
13 Owu Thixo wam, benze babe njengesivuthe-vuthe sameva,+
Njengeendiza ngaphambi komoya.+
14 Njengomlilo otshisa ihlathi+
Nanjengedangatye elitshisa iintaba,+
15 Ngamana ungabasukela ngaloo ndlela kanye njengesivuthuvuthu+
Yaye ngamana ungabaphazamisa ngomoya wakho wesaqhwithi.+
16 Buzalise ngehlazo ubuso babo,+
Ukuze abantu balifune igama lakho, Yehova.+
17 Owu ngamana bangaba neentloni baphazamiseke ngamaxesha onke,+
Yaye ngamana bangadana batshabalale;+
18 Ukuze abantu bazi+ ukuba wena, ogama linguYehova,+
Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo+ phezu komhlaba wonke.+