Yohane
1 Ekuqaleni+ wayekho uLizwi,+ uLizwi wayekunye noThixo,+ yaye uLizwi wayenguthixo.+ 2 Ekuqaleni+ yena wayekunye noThixo.+ 3 Zonke izinto zabakho ngaye,+ yaye ngaphandle kwakhe akubangakho nanye into.
Ngaye kuye kwabakho 4 ubomi,+ yaye ubomi babulukhanyiso+ lwabantu. 5 Ukhanyiso lukhanya ebumnyameni,+ kodwa ubumnyama abulongamelanga.
6 Kwavela umntu owayethunyiwe njengommeli kaThixo:+ igama lakhe yayinguYohane.+ 7 Lo mntu wezela ubungqina,+ ukuze anikele ubungqina ngalo ukhanyiso,+ ukuze abantu bazo zonke iintlobo bakholwe ngaye.+ 8 Yena wayengelulo olo khanyiso,+ kodwa wayemiselwe ukunikela ubungqina+ ngolo khanyiso.
9 Lowo ulukhanyiso lokwenyaniso+ olunikela ukukhanya+ kulo lonke uhlobo lomntu+ wayesele eza kuza ehlabathini. 10 Wayesehlabathini,+ yaye ihlabathi labakho ngaye,+ kodwa ihlabathi alizange limazi. 11 Weza kwikhaya lakhe, kodwa abantu bakowabo abamamkelanga.+ 12 Ke bonke abamamkelayo+ wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo,+ ngenxa yokuba babebonisa ukholo egameni lakhe;+ 13 yaye bazalwa, kungengagazi okanye ngakuthanda kwanyama okanye ngakuthanda kwandoda, kodwa nguThixo.+
14 Ngoko uLizwi waba yinyama+ waza wahlala phakathi kwethu, yaye salubona uzuko lwakhe, uzuko olunjengolo lonyana okuphela kozelweyo+ nguyise; kwaye wayezele bububele obungasifanelanga nayinyaniso.+ 15 (UYohane wanikela ubungqina ngaye, ewe, okunene wadanduluka—lo ngulowo wakutshoyo oko—esithi: “Lowo uzayo emva kwam uye wadlulela phambi kwam, ngenxa yokuba wabakho ngaphambi kwam.”)+ 16 Kuba kuko ukuzala kwakhe sonke samkela,+ ububele obungasifanelanga phezu kobubele obungasifanelanga.+ 17 Ngenxa yokuba uMthetho wanikelwa ngoMoses,+ bona ububele obungasifanelanga+ nenyaniso+ zabakho ngoYesu Kristu. 18 Akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha;+ uthixo+ okuphela kozelweyo osesifubeni+ kuYise ngulowo umcacisileyo.+
19 Nabu ke ubungqina bukaYohane xa amaYuda athumela kuye ababingeleli nabaLevi bevela eYerusalem ukuba bambuze oku: “Ungubani na?”+ 20 Yaye wavuma waza akakhanyela, kodwa wavuma wathi: “Andinguye uKRISTU.”+ 21 Kwaye bambuza besithi: “Ungubani na ke, ngoko? UnguEliya na?”+ Waza wathi: “Andinguye.” “Unguye na UmProfeti?”+ Wathi ukuphendula: “Hayi!” 22 Ngoko ke bathi kuye: “Ungubani na? ukuze sibanike impendulo abo basithumileyo. Uthini na ngawe siqu?”+ 23 Wathi: “Mna ndililizwi lothile odanduluka entlango esithi, ‘Yenzeni ithi tye indlela kaYehova,’ kanye njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.”+ 24 Ke kaloku abo babethunyiwe babevela kubaFarisi. 25 Ngoko bambuza bathi kuye: “Kutheni, ngoko, ubhaptiza+ nje ukuba wena ngokwakho akunguye uKRISTU okanye uEliya okanye UmProfeti?” 26 UYohane wabaphendula, esithi: “Ndibhaptiza emanzini. Phakathi+ kwenu kumi eningamaziyo,+ 27 lowo uzayo emva kwam, kodwa umtya wembadada yakhe andikufanelekelanga ukuwukhulula.”+ 28 Ezi zinto zenzeka eBhethani phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.+
29 Ngemini elandelayo wabona uYesu esiza ngakuye, waza wathi: “Yabonani, iMvana+ kaThixo esusa isono+ sehlabathi!+ 30 Lo ngulowo endathi ngaye, Emva kwam kuza umntu oye wadlulela phambi kwam, ngenxa yokuba wabakho ngaphambi kwam.+ 31 Nam ndandingamazi, kodwa isizathu sokuba ndeza kubhaptiza emanzini sasikukuze abonakaliswe kuSirayeli.”+ 32 UYohane wangqina, esithi: “Ndawubona umoya usihla njengehobe uphuma ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe.+ 33 Nam ndandingamazi, kodwa Lowo wandithumayo+ ukubhaptiza emanzini wathi kum, ‘Othe wambona kusihla umoya phezu kwakhe, nguye obhaptizela kumoya oyingcwele.’+ 34 Kwaye ndiwubonile, ndaza ndangqina ukuba lo nguye uNyana kaThixo.”+
35 Kwakhona ngemini elandelayo uYohane wayemi nababini kubafundi bakhe, 36 waza njengoko wayekhangele uYesu ehamba wathi: “Khangelani, iMvana+ kaThixo!” 37 Kwaye aba bafundi babini bamva ethetha, baza bamlandela uYesu. 38 Wandula ke uYesu wajika waza, ebabona belandela, wathi kubo: “Nifuna ntoni na?” Bathi kuye: “Rabhi, (xa liguqulelwa, lithetha uMfundisi,) uhlala phi?” 39 Wathi kubo: “Yizani nibone.”+ Ngako oko baya baza babona apho wayehlala khona, yaye bahlala naye loo mini; kwakumalunga nelixa leshumi. 40 UAndreya+ umntakwabo Simon Petros wayengomnye wababini abakuvayo oko uYohane wakutshoyo baza balandela uYesu. 41 Kuqala yena wafumana umntakwabo, uSimon, waza wathi kuye: “Simfumene uMESIYA”+ (xa liguqulelwa, lithetha uKristu).+ 42 Wamsa kuYesu. Uthe uYesu akumjonga+ wathi: “Wena unguSimon+ unyana kaYohane;+ uya kubizwa ngokuba unguKefas” (eliguqulelwa ngokuthi Petros).+
43 Ngemini elandelayo wanqwenela ukumka aye eGalili. Ngoko uYesu wafumana uFilipu+ waza wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam.”+ 44 Ke kaloku uFilipu wayengowaseBhethesayida,+ kwisixeko sakuloAndreya noPetros. 45 UFilipu wafumana uNathaniyeli+ waza wathi kuye: “Simfumene lowo uMoses, eMthethweni,+ nabaProfeti+ babhala ngaye, uYesu, unyana kaYosefu,+ waseNazarete.” 46 Kodwa uNathaniyeli wathi kuye: “Kunganako ukuphuma nantoni na elungileyo eNazarete?”+ UFilipu wathi kuye: “Yiza ubone.” 47 UYesu wambona uNathaniyeli esiza ngakuye waza wathi ngaye: “Yabona, umSirayeli ngokuqinisekileyo, ekungekho nkohliso kuye.”+ 48 UNathaniyeli wathi kuye: “Undaze njani na?” Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Phambi kokuba uFilipu akubize, ngoxa ubuphantsi komkhiwane, ndikubonile.” 49 UNathaniyeli wamphendula wathi: “Rabhi, unguye uNyana kaThixo,+ unguye uKumkani+ kaSirayeli.” 50 Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Ngenxa yokuba ndikuxelele ukuba ndikubone uphantsi komkhiwane uyakholwa na? Uya kubona izinto ezinkulu ngakumbi kunezi.” 51 Ngokubhekele phaya wathi kuye: “Inene, inene, ndithi kuni, niya kulibona izulu livulekile neengelosi+ zikaThixo zinyuka zisihla zisiya kuNyana womntu.”+