1 Korinte
2 Ngoko ke bazalwana, xa ndeza kuni, ndivakalisa imfihlelo engcwele+ kaThixo, andizange ndize ngakugqithisela kwantetho+ okanye kwabulumko. 2 Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu ngaphandle koYesu Kristu,+ naye ebethelelwe. 3 Yaye ndafika kuni ndibuthathaka ibe ndisoyika kwaye ndingcangcazela kakhulu;+ 4 yaye intetho yam noko ndakushumayelayo kube kungengamazwi eyisayo obulumko kodwa bekungokubonakaliswa komoya namandla,+ 5 ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu,+ kodwa lube semandleni kaThixo.+
6 Ke kaloku sithetha ubulumko phakathi kwabo baqolileyo,+ kodwa kungekhona ubulumko+ bale nkqubo yezinto+ nobo babalawuli bale nkqubo yezinto, abo baza kutshitsha.+ 7 Kodwa sithetha ubulumko bukaThixo kwimfihlelo engcwele,+ ubulumko obufihlakeleyo, obo uThixo wabumisela kwangaphambili ngaphambi kweenkqubo+ zezinto ngenxa yozuko lwethu. 8 Akukho namnye kubalawuli+ bale nkqubo yezinto ubaziyo+ obu bulumko, kuba ukuba babebazile ngebabengayibethelelanga+ iNkosi ezukileyo. 9 Kodwa kanye njengoko kubhaliwe: “Iliso alizibonanga nendlebe ayizivanga, zingathelekelelwanga nasentliziyweni yomntu izinto uThixo azilungisele abo bamthandayo.”+ 10 Kuba uThixo uzityhile+ kuthi ngomoya wakhe,+ kuba umoya+ uphengulula ezintweni zonke, kwanezinto ezinzulu+ zikaThixo.
11 Kuba ngubani na phakathi kwabantu ozaziyo izinto zomntu ngaphandle komoya+ womntu okuye? Ngoko, akukho bani ufikelele ekuzazini izinto zikaThixo, ngaphandle komoya+ kaThixo. 12 Ke thina samkela, kungekhona umoya+ wehlabathi, kodwa umoya+ ovela kuThixo, ukuze sizazi izinto esizinikwe ngobubele nguThixo.+ 13 Ezi zinto sikwazithetha, kungekhona ngamazwi afundiswa ngobulumko babantu,+ kodwa ngalawo afundiswa ngomoya,+ njengoko sidibanisa imibandela yokomoya namazwi okomoya.+
14 Kodwa umntu wokwenyama akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; yaye akanakuzazi,+ ngenxa yokuba zincinwa ngokomoya. 15 Noko ke, umntu wokomoya+ eneneni uncina zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akancinwa+ nguye nawuphi na umntu. 16 Kuba “ngubani na oyaziyo ingqondo kaYehova,+ ukuze amyalele?”+ Kodwa sinayo ingqondo+ kaKristu.