1 Yohane
2 Bantwana bam abancinane, ndinibhalela ezi zinto ukuze ningenzi sono.+ Ukanti, ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi+ kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa.+ 2 Yena ungumbingelelo+ wokucamagushela+ izono zethu,+ kanti kungekhona ezethu+ kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela.+ 3 Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siqhubeke siyigcina imiyalelo yakhe.+ 4 Lowo uthi: “Ndiyamazi,”+ kodwa angayigcini imiyalelo yakhe,+ ulixoki, yaye inyaniso ayikho kuloo mntu.+ 5 Kodwa nabani na othi aligcine ilizwi lakhe,+ eneneni uthando lukaThixo lwenziwe lwagqibelela kuloo mntu.+ Yiyo ke leyo indlela esiya kwazi ngayo ukuba simanyene naye.+ 6 Lowo uthi uhleli emanyene+ naye ubophelelekile ukuba naye ngokwakhe aqhubeke ehamba kanye njengoko yena lowo wahambayo.+
7 Zintanda, ndinibhalela, kungekhona umyalelo omtsha, kodwa umyalelo omdala+ lowo beninawo ukususela ekuqaleni.+ Lo myalelo mdala lilizwi enalivayo. 8 Kwakhona, ndinibhalela umyalelo omtsha, isibakala esiyinyaniso kwimeko yakhe nakweyenu, ngenxa yokuba ubumnyama+ buyadlula yaye ukukhanya kokwenyaniso+ sele kukhanya.
9 Lowo uthi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile+ umzalwana wakhe, usesebumnyameni nangoku.+ 10 Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni,+ yaye akukho sikhubekiso kuye.+ 11 Kodwa lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni yaye uhamba ebumnyameni,+ akazi nalapho aya khona,+ kuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe.
12 Ndiyanibhalela, bantwana abancinane, kuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe.+ 13 Ndiyanibhalela, boyise, kuba niye nafikelela ekumazini lowo ukhoyo ukususela ekuqaleni.+ Ndiyanibhalela, bafana,+ kuba niye namoyisa lowo ungendawo.+ Ndiyanibhalela nani, bantwana baselula,+ kuba niye nafikelela ekumazini uBawo.+ 14 Ndibhalela nina, boyise,+ ngenxa yokuba niye nafikelela ekumazini lowo ukhoyo ukususela ekuqaleni.+ Ndibhalela nina, bafana, ngenxa yokuba nomelele+ yaye ilizwi likaThixo lihleli kuni+ ibe niye namoyisa lowo ungendawo.+
15 Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini.+ Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye;+ 16 kuba konke okusehlabathini+—inkanuko yenyama+ nenkanuko yamehlo+ nokuqhayisa ngezinto zobu bomi+—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.+ 17 Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo,+ kodwa lowo wenza ukuthanda+ kukaThixo uhleli ngonaphakade.+
18 Bantwana abaselula, sekulilixa lokugqibela,+ yaye, kanye njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza,+ nangoku sebevele babaninzi abachasi-Kristu;+ nto leyo esenza sazi ukuba sekulilixa lokugqibela. 19 Bakreqa kuthi, kuba babengengabo abethu kakade;+ ukuba babengabethu, ngebabehleli kunye nathi.+ Kodwa bakreqa ukuze kubonakale ukuba asingabo bonke abangabethu.+ 20 Kodwa ke nina niye nathanjiswa ngulowo ungcwele;+ ngoko ke nonke ninolwazi.+ 21 Ndinibhalela, kungengakuba ningayazi inyaniso,+ kodwa ngenxa yokuba niyazi,+ nangenxa yokuba akukho buxoki buphuma enyanisweni.+
22 Ngubani na olixoki ukuba asinguye lowo ukhanyelayo ukuba uYesu unguKRISTU?+ Umntu onjalo ungumchasi-Kristu,+ okhanyela uBawo noNyana.+ 23 Wonk’ ubani omkhanyelayo uNyana akanaye noBawo.+ Lowo umvumayo+ uNyana unaye noBawo.+ 24 Ke nina, oko niye nakuva ukususela ekuqaleni makuhlale kuni.+ Ukuba oko niye nakuva ukususela ekuqaleni kuyahlala kuni, nani niya kuhlala nimanyene+ noNyana yaye nimanyene noBawo.+ 25 Ngapha koko, into awasithembisa yona, bubomi obungunaphakade.+
26 Ezi zinto ndinibhalela mayela nabo bazama ukunilahlekisa.+ 27 Ke nina, njengoko enithambisile,+ akukho mfuneko yokuba nifundiswe nangubani na;+ kodwa, ekubeni ngokunithambisa kwakhe enifundise zonke izinto,+ yaye imfundiso yakhe iyinyaniso+ ingebobuxoki, hlalani ke nimanyene+ naye. 28 Ngoko ke, bantwana abancinane,+ hlalani nimanyene+ naye, ukuze xa ebonakaliswa+ sibe nenkululeko yokuthetha+ size singahlaziswa simke kuye ebudeni bobukho bakhe.+ 29 Ukuba niyazi ukuba yena ulilungisa,+ niya kwazi nokuba wonk’ ubani oqhelisela ubulungisa uzelwe nguye.+