2 Petros
2 Noko ke, kwakukho abaprofeti bobuxoki phakathi kwabantu, njengoko naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi bobuxoki.+ Bona kanye aba baya kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo yaye baya kumkhanyela nomnini owabathengayo,+ bezizisela intshabalalo ekhawulezileyo. 2 Ngapha koko, abaninzi baya kulandela+ izenzo zabo zehambo evakalala,+ yaye ngenxa yabo iya kutshabhiswa indlela yenyaniso.+ 3 Ngenxa yokunyoluka kwabo baya kunixhaphaza ngamazwi alalanisayo.+ Kodwa, umgwebo wabo osusela kwakudala+ awucothi, nentshabalalo yabo ayozeli.+
4 Ngokuqinisekileyo ukuba uThixo akazange ayeke ukohlwaya iingelosi+ ezonayo, kodwa, wazinikela kwimihadi yentsunguzi yobumnyama, ngokuthi aziphose eTartaro,+ ukuze zibekelwe umgwebo;+ 5 engazange ayeke nokohlwaya ihlabathi lamandulo,+ kodwa wagcina uNowa, umshumayeli wobulungisa+ ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe+ xa wazisa unogumbe+ phezu kwehlabathi labantu abangenabuthixo; 6 yaye wazigwebela+ isohlwayo izixeko iSodom neGomora ngokuthi azifinyeze zibe luthuthu, emisela abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza;+ 7 kodwa wamhlangula uLote olilungisa,+ owayebandezeleke kakhulu kukuzifica kwihambo evakalala+ kwabantu abadelela umthetho, 8 kuba lathi elo lungisa, ngokuva nokubona izenzo zabo zokuchas’ umthetho imihla ngemihla, lawuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo— 9 ngoko ke uYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo,+ kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo ukuze banqunyulwe,+ 10 noko ke, ngokukodwa abo balandela inyama ngomnqweno wokuyenza inqambi,+ bebujongela phantsi ubukhosi.+
Banobuganga bokwenza unothanda, yaye ababangcangcazeleli abo bazukileyo kodwa bayabatshabhisa,+ 11 kanti zona iingelosi, nangona zomelele yaye zinamandla ngakumbi, azibamangaleli ngamazwi okutshabhisa,+ ngenxa yokuhlonela uYehova.+ 12 Kodwa aba bantu, njengezilwanyana ezingaqiqiyo, ezizalelwe ukubanjwa nokutshatyalaliswa, baya kuthi, ngezinto abangenalwazi nabatshabhisayo ngazo,+ batshabalale nabo kwikhondo labo lentshabalalo, 13 bezizisela ububi+ njengomvuzo wokwenza ububi.+
Bakugqala kuluyolo ukuphila ngobunewunewu ngexesha lasemini.+ Bangamabala neziphako, bezifica ngokuhlohla iimfundiso zabo ezikhohlisayo xa besemathekweni kunye nani.+ 14 Amehlo abo azele lukrexezo+ yaye abakwazi kusiyeka isono,+ bewexula imiphefumlo engazinzanga. Intliziyo yabo iqeqeshelwe inkanuko.+ Bangabantwana bengqalekiso.+ 15 Bawushiyile umendo othe tye, balahlekiswa. Balandele umendo kaBhileham,+ unyana kaBhehore, owathanda umvuzo wokwenza ububi,+ 16 kodwa wohlwaywa ngokuhlambela kwakhe oko kulungileyo.+ Lathi iqegu, lingakwazi nje ukuthetha, lathetha ngelizwi lomntu,+ lalithintela ikhondo lempambano lomprofeti lowo.+
17 Aba bayimithombo engenamanzi,+ nenkungu eqhutywa sisaqhwithi esikhulu, yaye babekelwe isithokothoko sobumnyama.+ 18 Kuba bathetha ngokuzigwagwisa izinto ezingeyongenelo, yaye basebenzisa inkanuko yenyama+ nemikhwa evakalala ukuwexula+ abo basandula ukuyishiya+ ihambo ephosakeleyo. 19 Ngoxa bebathembisa inkululeko,+ bona ngokwabo bangamakhoboka okonakala.+ Kuba nabani na owoyiswa ngomnye uyakhotyokiswa nguye.+ 20 Ngokuqinisekileyo ukuba, emva kokuphepha izidyobho zehlabathi+ ngolwazi oluchanileyo lweNkosi noMsindisi uYesu Kristu, babandakanyeka kwakwezi zinto kwakhona baze boyiswe,+ iimeko zokugqibela ziba mbi ngakumbi kubo kunezokuqala.+ 21 Kuba ngekubalungele ngakumbi ukuba bebengawazanga ngokuchanileyo umendo wobulungisa+ kunokuba bathi emva kokuba bewaze ngokuchanileyo bemke kumyalelo ongcwele owanikelwa kubo.+ 22 Abhekisa kubo amazwi omzekeliso oyinyaniso, athi: “Inja+ ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi ehlanjwe umzimba ibuye yaqika-qikeka eludakeni.”+