2 Petros
1 USimon Petros, ikhoboka+ nompostile+ kaYesu Kristu, ubhalela abo bazuze ukholo, abanelungelo elilinganayo nelethu,+ ngenxa yobulungisa+ boThixo wethu noMsindisi uYesu Kristu:+
2 Ngamana ningandiselwa+ ububele obungasifanelanga noxolo ngenxa yolwazi lwenu oluchanileyo+ ngoThixo noYesu iNkosi yethu, 3 njengoko amandla akhe obuthixo esinike ngesisa zonke izinto eziphathelele ubomi+ nozinikelo lobuthixo,+ ngolwazi oluchanileyo lwalowo wasibizayo+ ngozuko+ nesidima. 4 Ngezi zinto usinike ngesisa izithembiso ezixabisekileyo nezizuke kakhulu,+ ukuze ngazo nibe nesabelo kwimvelo+ yobuthixo,+ nikuphephile nje ukonakala okusehlabathini+ okungenxa yenkanuko.
5 Ngoko ke, yenzani umgudu wenyameko,+ nize elukholweni lwenu nongezelele isidima,+ esidimeni ulwazi,+ 6 elwazini ukuzeyisa,+ ekuzeyiseni unyamezelo, ekunyamezeleni uzinikelo lobuthixo,+ 7 kuzinikelo lobuthixo umsa wobuzalwana, kumsa wobuzalwana uthando.+ 8 Kuba ukuba ezi zinto zikho kuni yaye ziyaphuphuma, ziya kunithintela ekubeni ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo+ ngokubhekisele kulwazi oluchanileyo lweNkosi yethu uYesu Kristu.
9 Kuba nabani na ezingekhoyo kuye ezi zinto, uyimfama, uwavalile amehlo akhe ekukhanyeni,+ yaye uye wakulibala+ ukuhlanjululwa+ kwakhe kwizono zakhe zakudala. 10 Ngenxa yoko, bazalwana, yenzani unako-nako wokuqinisekisa ngobizo lwenu+ nokunyulwa kwenu;+ kuba ukuba niqhubeka nizenza ezi zinto anisayi kuze nisilele.+ 11 Enyanisweni, ngaloo ndlela niya kubonelelwa ngokutyebileyo ngokungeniswa+ kubukumkani obungunaphakade+ beNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.+
12 Ngenxa yesi sizathu ndiya kusoloko ndityekele ekunikhumbuzeni+ ngezi zinto, nangona nizazi yaye nimi ngokuqinileyo kwinyaniso+ ekhoyo kuni.+ 13 Kodwa ndikugqala kulungile, lo gama ndisekulo mnquba,+ ukunivusa ngendlela yokunikhumbuza,+ 14 ndisazi njengoko kunjalo ukuba ukudilika komnquba wam kuza kwenzeka kamsinya,+ kanye njengoko kwaneNkosi yethu uYesu Kristu yandibonisayo.+ 15 Ngoko nam ndiza kwenza unako-nako wokuba ngalo lonke ixesha, emva kokumka kwam,+ nikwazi ukuzikhankanya ezi zinto.
16 Hayi khona, akubanga ngokulandela amabali obuxoki+ ayilwe ngobuqhetseba esathi saniqhelanisa namandla nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu,+ kodwa kwaba ngokuthi sibe ngamangqina okuzibonela ubungangamela bayo.+ 17 Kuba yamkela kuThixo uYise imbeko nozuko,+ xa kwabhekiswa kuyo amazwi anjengala evela kubungangamela bozuko: “Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.”+ 18 Ewe, la mazwi saweva+ ephuma ezulwini ngoxa sasinayo entabeni engcwele.+
19 Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto+ elenziwa laqiniseka ngakumbi;+ yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane+ esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi,+ ezintliziyweni zenu. 20 Kuba niyakwazi oku kuqala, ukuba akukho siprofeto seSibhalo siphuma nakuyiphi na inkcazelo yobuqu.+ 21 Kuba isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu,+ kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo+ njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.+