INdumiso
Ngokuphathelele uSolomon.
4 Makabagwebe abaxhwalekileyo ebantwini,+
Makabasindise oonyana babo bangamahlwempu,
Makamtyumze lowo uqhathayo.
10 Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi+—
Baya kuhlawula unikelo.+
Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha—
Baya kunikela isipho.+
12 Kuba uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo,+
Kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi.+
14 Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo.
Negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.+
15 Makaphile,+ aze anikwe nethile kwigolide yakwaShebha.+
Kuze kuthandazwe rhoqo ngenxa yakhe;
Makabongwe imini yonke.+
16 Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni;+
Encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.+
Isiqhamo sakhe siya kuba njengaseLebhanon,+
Nabo baphuma esixekweni baya kutyatyamba njengotyani bomhlaba.+
17 Igama lakhe malifikelele kwixesha elingenammiselo;+
Malande phambi kwelanga igama lakhe,
Mabazisikelele ngaye;+
Zonke iintlanga mazibhengeze ukuba unoyolo.+
19 Malibongwe igama lakhe elizukileyo kuse kwixesha elingenammiselo,+
Nozuko lwakhe luzalise umhlaba wonke.+
Amen Amen.
20 Imithandazo kaDavide, unyana kaYese,+ ifikelele esiphelweni.