1 Timoti
6 Bonke abangamakhoboka phantsi kwedyokhwe mabaqhubeke bebagqala abanini babo njengabafanelwe yimbeko epheleleyo,+ ukuze kungathethwa kakubi ngemfundiso nangegama likaThixo.+ 2 Ngaphezu koko, abo banabanini abakholwayo+ mabangaze babajongele phantsi,+ kuba bangabazalwana.+ Kunoko, mabakulungele ngakumbi ukuba ngamakhoboka, ngenxa yokuba abo bafumana ingenelo yenkonzo yabo entle bangamakholwa yaye baziintanda.
Qhubeka ufundisa yaye ubabongoza ngezi zinto.+ 3 Nabani na ofundisa enye imfundiso+ engahambisaniyo namazwi aphilileyo+ eNkosi yethu uYesu Kristu, nengavumelaniyo nozinikelo lobuthixo,+ 4 ukhukhumele likratshi,+ uswele ingqiqo,+ yaye ugula ngengqondo+ ziimbuzwano nokuxambulisana ngamazwi.+ Kwezi zinto kuphuma umona,+ imbambano, ukutshabhisa,+ urhano olungendawo, 5 iimpikiswano ezishushu zochuku kubantu abonakele ingqondo+ nabahluthwe inyaniso,+ becinga ukuba uzinikelo lobuthixo yinto yokufumana inzuzo.+ 6 Phofu ke, iyinene yona into yokuba, uzinikelo lobuthixo+ kunye nokwanela,+ kuyinzuzo enkulu.+ 7 Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto.+ 8 Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.+
9 Noko ke, abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni+ nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo,+ ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.+ 10 Kuba ukuthanda+ imali yingcambu+ yazo zonke iintlobo zobubi,+ yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.+
11 Noko ke, wena, mntu kaThixo, saba kwezi zinto.+ Kodwa phuthuma ubulungisa, uzinikelo lobuthixo, ukholo, uthando, unyamezelo, umoya wobulali.+ 12 Yilwa umlo omhle wokholo,+ bubambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade owabizelwa kubo waza wenza uvumo oluhle lwasesidlangalaleni+ phambi kwamangqina amaninzi.
13 Ngoku ke, emehlweni kaThixo, ogcina zonke izinto ziphila, nakaKristu Yesu, owathi njengengqina+ wenza uvumo oluhle lwasesidlangalaleni+ phambi koPontiyo Pilato,+ ndiyakuyalela+ 14 ukuba uyigcine ngendlela engenabala nengenakukhalazeleka le miyalelo, kude kube sekubonakalisweni+ kweNkosi yethu uYesu Kristu. 15 Yona iya kubonakaliswa ngulowo okuphela kwakhe Onegunya+ nonoyolo, ngexesha lakhe elimisiweyo,+ yena onguKumkani+ wookumkani neNkosi+ yeenkosi, 16 okuphela konokungafi,+ ohlala ekukhanyeni okungenakufikeleleka,+ ekungekho namnye umntu ombonileyo okanye onako ukumbona.+ Kuye makubekho imbeko+ namandla angunaphakade. Amen.
17 Bayale abo bazizityebi+ kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi,+ bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga,+ kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe;+ 18 mabenze okulungileyo,+ batyebe emisebenzini emihle,+ bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana,+ 19 ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela+ isiseko esihle+ nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.+
20 Owu Timoti, kulondoloze oko ukuphathisiweyo,+ ukhwebuke kwiintetho ezililize ezihlambela oko kungcwele nakwiimpikiswano zoko kubizwa ngokuba “lulwazi” kuxokwa.+ 21 Ngokuqhayisa ngolwazi olunjalo abathile baye baphambuka elukholweni.+
Ngamana ububele obungasifanelanga bungaba nani.