Yakobi
3 Musani ukufuna ukuba ngabafundisi nonke,+ bazalwana bam, nisazi nje ukuba thina bafundisayo siya kufumana umgwebo onzima ngakumbi.+ 2 Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.+ Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini,+ lowo uyindoda egqibeleleyo,+ ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela. 3 Ukuba sifaka imikhala+ emilonyeni yamahashe ukuze asithobele,+ silawula nomzimba wawo uphela. 4 Khangelani! Kwanezikhephe, nangona zizikhulu kangako yaye ziqhutywa yimimoya enamandla, zilawulwa ngephini elincinane+ kakhulu ukuya apho umqhubi anqwenela ukuba ziye khona.
5 Ngokunjalo, nalo, ulwimi lulilungu elincinane ukanti luzigwagwisa kakhulu.+ Khangelani! Hayi indlela omncinane ngayo umlilo ofunekayo ukutshisa ihlathi elikhulu gqitha! 6 Kaloku, ulwimi lungumlilo.+ Ulwimi lufana nqwa nehlabathi lentswela-bulungisa phakathi kwamalungu ethu, kuba ludyobha umzimba uphela,+ lukwatshisa nevili lobomi bemvelo; lona ke lutshiswa yiGehena. 7 Zonke iindidi zamarhamncwa nezeentaka nezezinto ezirhubuluzayo nezezidalwa zaselwandle zinako ukwenziwa mbuna yaye sezikhe zenziwa mbuna ngabantu.+ 8 Kodwa ulwimi, akukho namnye kuluntu onako ukulwenza mbuna. Luyinto engalawulekiyo embi, luzele yityhefu ebulalayo.+ 9 Ngalo sibonga uYehova,+ uBawo,+ kanti kwangalo siqalekisa+ abantu abenziwe “ngomfanekiso kaThixo.”+ 10 Kumlomo omnye kuphuma ukubonga nesiqalekiso.
Akufanelekanga, bazalwana bam, ukuba kube njalo.+ 11 Akwenzeki ukuba kumpompoze amanzi amnandi nakrakra mthonjeni mnye,+ andibi kunjalo? 12 Bazalwana bam, umkhiwane awunakuvelisa iziqhamo zomnquma, nomdiliya awunakuvelisa amakhiwane, andibi kunjalo?+ Engenako namanzi amtyuba ukuvelisa amanzi amnandi.
13 Ngubani na osisilumko noqondayo phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo yakhe entle+ enobulali bobulumko. 14 Kodwa ukuba ninekhwele elikrakra+ nokusukuzana+ ezintliziyweni zenu, musani ukuzigwagwisa+ yaye nixoka nxamnye nenyaniso.+ 15 Obu asibobulumko obuhla buvela phezulu,+ kodwa bobasemhlabeni,+ bobobulwanyana, bobobudemon.+ 16 Kuba apho kukho ikhwele+ nokusukuzana, kubakho isidubedube nabo bonke ububi.+
17 Kodwa ubulumko+ obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu,+ bandule ke bube boboxolo,+ bube nengqiqo,+ bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo,+ abucaluli ngokukhetha ubuso,+ abunaluhanahaniso.+ 18 Ngaphezu koko, imbewu yesiqhamo+ sobulungisa+ ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo+ ngabo benza uxolo.+