INdumiso
INCWADI YESINE
(IiNdumiso 90 – 106)
Umthandazo kaMoses, umntu kaTHIXO oyinyaniso.+
90 Owu Yehova, wena uye waba yindawo yethu yokuhlala yokwenene+
Ebudeni bezizukulwana ngezizukulwana.+
2 Ngaphambi kokuba neentaba zizalwe,+
Okanye uzise ngokungathi kungenimba umhlaba+ nelizwe elinemveliso,+
Ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo wena unguThixo.+
4 Kuba iminyaka eliwaka emehlweni akho injengemini yezolo xa idlulile,+
Nanjengomlindo ebudeni bobusuku.+
8 Ubeke iziphoso zethu kanye phambi kwethu,+
Izinto zethu ezifihlakeleyo phambi kobuso bethu obuqaqambileyo.+
9 Kuba yonke imihla yethu ifikelele ekupheleni kwayo ngokuvutha komsindo wakho;+
Siyigqibile iminyaka yethu kanye njengokusebeza.+
10 Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe;+
Yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo,+
Ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo;+
Kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.+
14 Sanelise kusasa ngobubele bakho bothando,+
Ukuze sibe nokumemelela ngovuyo size sibe nemihlali ebudeni bayo yonke imihla yethu.+