115 Akukho nto iyeyethu, Yehova, akukho nto iyeyethu,+
Kodwa nika igama lakho uzuko+
Ngokobubele bakho bothando, ngokwenyaniso yakho.+
2 Kutheni na ukuba iintlanga zithi:+
“Uphi na, ke, uThixo wabo?”+
3 Kodwa uThixo wethu usemazulwini;+
Yonk’ into ayoliswa kukuyenza uyenzile.+
4 Izithixo zabo ziyisilivere negolide,+
Umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni.+
5 Zinomlomo, kodwa azithethi;+
Zinamehlo, kodwa aziboni;+
6 Zineendlebe, kodwa aziva.+
Zinempumlo, kodwa azisezeli.+
7 Zinezandla, kodwa aziphathi.+
Zineenyawo, kodwa azihambi;+
Azivakalisi sandi ngomqala wazo.+
8 Abo bazenzayo baya kuba njengazo kanye,+
Bonke abo bakholosa ngazo.+
9 Owu Sirayeli, kholosa ngoYehova;+
Uluncedo lwabo nekhaka labo.+
10 Nawe ndlu ka-Aron, kholosa ngoYehova;+
Uluncedo lwabo nekhakha labo.+
11 Nina enoyika uYehova, kholosani ngoYehova;+
Uluncedo lwabo nekhaka labo.+
12 UYehova usikhumbule; uya kusisikelela,+
Uya kuyisikelela indlu kaSirayeli,+
Uya kuyisikelela indlu ka-Aron.+
13 Uya kubasikelela abo boyika uYehova,+
Abancinane kwakunye nabakhulu.+
14 UYehova uya kunandisela nina,+
Nina noonyana benu.+
15 Nina ningabasikelelweyo nguYehova,+
UMenzi wezulu nomhlaba.+
16 Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova,+
Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.+
17 Abafileyo abamdumisi uYa,+
Bengenjinjalo nabo behlayo baye kwelokuthula.+
18 Kodwa thina siya kumbonga uYa+
Ukususela ngoku kuse phambili nokusa kwixesha elingenammiselo.+
Dumisani uYa!+