1 Korinte
10 Andifuni ningazi, bazalwana, ukuba ookhokho bethu bonke babephantsi kwelifu+ yaye bonke badlula elwandle+ 2 ibe bonke babhaptizelwa kuMoses+ ngelifu nangolwandle; 3 kwaye bonke batya ukutya kokomoya okufanayo+ 4 yaye bonke basela isiselo sokomoya esifanayo.+ Kuba babedla ngokusela kulwalwa lokomoya+ olwalubalandela, yaye olo lwalwa+ lwaluthetha uKRISTU.+ 5 Noko ke, uThixo akazange akholiswe yinkoliseko yabo,+ kuba bathiwa waca+ entlango.
6 Ke kaloku ezi zinto zaba yimizekelo yethu, ukuze thina singabi ngabantu abanqwenela izinto ezimbi,+ njengoko bona bazinqwenelayo. 7 Singabi ngabo nabanquli-zithixo, njengoko bambi kubo benjenjalo;+ kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: “Abantu bahlala phantsi, batya, basela, yaye basukuma ukuze bonwabe.”+ 8 Masingaqheliseli luhenyuzo, njengoko abathile kubo bahenyuzayo,+ suke bawa, amawaka angamashumi amabini anesithathu kubo ngamini-nye.+ 9 Masingamvavanyi uYehova,+ njengoko abathile kubo bamvavanyayo,+ suke batshabalala ziinyoka.+ 10 Masingabi ngabambombozeli, kanye njengoko abathile kubo bambombozelayo,+ suke batshabalala ngumtshabalalisi.+ 11 Ke kaloku ezi zinto zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa+ thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.+
12 Ngenxa yoko lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.+ 13 Akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini.+ Kodwa uThixo uthembekile,+ yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala,+ kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma+ ukuze nikwazi ukusinyamezela.
14 Ngoko ke, zintanda zam, sabani+ kulo unqulo-zithixo.+ 15 Ndithetha njengakubantu abanokuqonda;+ zigwebeleni ngokwenu oko ndikutshoyo. 16 Indebe+ yentsikelelo le siyisikelelayo, asikokwabelana na egazini likaKRISTU? Isonka esisiqhekezayo,+ asikokwabelana na emzimbeni kaKRISTU?+ 17 Ngenxa yokuba kukho isonka esinye, thina, nangona sibaninzi,+ simzimba mnye,+ kuba sonke sinenxaxheba kweso sonka sinye.+
18 Khangelani kwabo bangamaSirayeli ngokwenyama:+ Abo batya imibingelelo ababi nesabelo kunye nesibingelelo na?+ 19 Ndithini na, ke ngoko? Ndithi oko kubingelelwe kwisithixo kuyinto na, okanye ndithi isithixo siyinto na?+ 20 Hayi anditsho; kodwa ndithi izinto iintlanga ezizibingelelayo zizibingelela kwiidemon,+ kungekhona kuThixo; kwaye andifuni nibe nesabelo needemon.+ 21 Aninakusela indebe kaYehova+ nendebe yeedemon; aninakuba nenxaxheba “etafileni kaYehova”+ nasetafileni yeedemon. 22 Okanye “simenza abe nekhwele na uYehova”?+ Asomelelanga ngakumbi kunaye,+ andibi kunjalo?
23 Zonke izinto zisemthethweni; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo.+ Zonke izinto zisemthethweni;+ kodwa asizizo zonke izinto ezakhayo.+ 24 Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe,+ kodwa eyomnye umntu.+
25 Yonk’ into ethengiswa kwimarike yenyama hlalani niyitya,+ ningabuzi ngenxa yesazela senu;+ 26 kuba “ngokaYehova+ umhlaba noko kuwuzalisileyo.”+ 27 Ukuba nabani na kwabangakholwayo uyanimema yaye ninqwenela ukuya, yityani yonke into ebekwa phambi kwenu,+ ningabuzi ngenxa yesazela senu.+ 28 Kodwa ukuba nabani na angathi kuni: “Le yinto enikelwe njengombingelelo,” ningatyi ngenxa yalowo ukutyhilileyo oko nangenxa yesazela.+ 29 “Isazela,” nditsho, kungekhona esakho, kodwa eso somnye umntu. Kuba kutheni inkululeko yam ifanele igwetywe ngesazela somnye umntu?+ 30 Ukuba ndithabath’ inxaxheba ngokubulela, kutheni na nditshabhiswa ngoko ndikubulelelayo?+
31 Ngoko ke, enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.+ 32 Kuphepheni ukuba zizikhubekiso+ kumaYuda nakumaGrike nakwibandla likaThixo, 33 kwananjengoko nam ndikholisa bonke abantu kuzo zonke izinto,+ ndingafuni ingenelo yam+ kodwa eyabona baninzi, ukuze basindiswe.+