Yohane
4 Ke kaloku xa iNkosi yaqondayo ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu wayesenza aze abhaptize+ abafundi abangakumbi kunoYohane— 2 nangona, eneneni, uYesu wayengabhaptizi kodwa ngabafundi bakhe ababesenjenjalo— 3 yalishiya elakwaYuda yaza yemka kwakhona isiya eGalili. 4 Kodwa kwakuyimfuneko ngayo ukuba idlule eSamariya.+ 5 Ngako oko yafika kwisixeko saseSamariya esibizwa ngokuba yiSikare kufuphi nentsimi kaYakobi awayinika uYosefu unyana wakhe.+ 6 Enyanisweni, umthombo kaYakobi+ wawulapho. Akuba uYesu ediniwe luhambo, wahlala enjalo ngasemthonjeni lowo. Kwakumalunga nelixa lesithandathu.
7 Umfazi waseSamariya weza kukha amanzi. UYesu wathi kuye: “Ndiphe ndisele.” 8 (Kuba abafundi bakhe babeye esixekweni ukuya kuthenga into etyiwayo.) 9 Ngoko ke umfazi ongumSamariya wathi kuye: “Kwenzeka njani ukuba wena, phezu kwako nje ukuba ungumYuda, ucele kum into eselwayo, ndakuba mna ndingumfazi ongumSamariya?” (Kuba amaYuda akanazinkqubano namaSamariya.)+ 10 Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Ukuba ubusazi isipho sesisa+ sikaThixo nokuba ngubani+ na lo uthi kuwe, ‘Ndiphe ndisele,’ unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilayo.”+ 11 Wathi kuye: “Mnumzana, akunayo ne-emele le yokukha amanzi, nequla linzulu. Asuka kuwuphi umthombo, ke ngoko, la manzi aphilayo onawo? 12 Akukho mkhulu+ ngakumbi kunokhokho wethu uYakobi, owasinika eli qula awayesela kulo yena noonyana bakhe neenkomo zakhe, andibi kunjalo?” 13 Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Wonk’ ubani osela kula manzi uya kunxanwa kwakhona. 14 Nabani na osela kumanzi endiza kumpha wona akasayi kuze anxanwe konke konke,+ kodwa kuye amanzi endiya kumnika wona aya kuba ngumthombo wamanzi+ ampompozayo anika ubomi obungunaphakade.”+ 15 Lo mfazi wathi kuye: “Mnumzana, ndinike la manzi, khon’ ukuze ndinganxanwa yaye ndingahlali ndisiza kule ndawo ukuza kukha amanzi.”
16 Wathi kuye: “Hamba, uye kubiza indoda yakho, nize kule ndawo.” 17 Ekuphenduleni lo mfazi wathi: “Andinandoda.” UYesu wathi kuye: “Utsho kakuhle ukuthi, ‘Andinandoda.’ 18 Kuba ubunamadoda amahlanu, yaye indoda onayo ngoku asindoda yakho. Unyanisile ukutsho.” 19 Lo mfazi wathi kuye: “Mnumzana, ndiyaqonda ukuba ungumprofeti.+ 20 Ookhokho bethu babenqula kule ntaba;+ kodwa nina nithi iseYerusalem indawo apho abantu bafanele banqule khona.”+ 21 UYesu wathi kuye: “Ndikholelwe, mfazindini, Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo ningamnquli+ uBawo kule ntaba okanye eYerusalem.+ 22 Nina ninqula eningakwaziyo;+ thina sinqula esikwaziyo, kuba usindiso luphuma kumaYuda.+ 23 Noko ke, liyeza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya+ nenyaniso,+ kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.+ 24 UThixo unguMoya,+ nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.”+ 25 Lo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba uMesiya+ uyeza, obizwa ngokuba nguKristu.+ Wothi ke akufika, azivakalise zonke izinto kuthi ekuhleni.” 26 UYesu wathi kuye: “Mna lo uthetha nawe ndinguye.”+
27 Ngoko ke bafika abafundi bakhe, baza bamangaliswa kuba ethetha nomfazi. Kambe ke, akukho bani wathi: “Ufuna ntoni na?” okanye, “Kutheni uthetha naye nje?” 28 Lo mfazi, ke ngoko, wayishiya ingqayi yakhe yamanzi, waya esixekweni waza waxelela abantu wathi: 29 “Yizani apha, nibone umntu ondixelele zonke izinto endizenzileyo. Akangebi mhlawumbi nguKRISTU+ na?” 30 Baphuma esixekweni baza baya kuye.
31 Ngelo thuba abafundi babembongoza, besithi: “Rabhi,+ yitya.” 32 Kodwa wathi kubo: “Ndinokutya endikutyayo eningakwaziyo nina.” 33 Ngoko ke abafundi bathi omnye komnye: “Akukho bani umzisele nto yakutya, akunjalo?” 34 UYesu wathi kubo: “Okwam ukutya+ kukuba ndenze ukuthanda+ kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.+ 35 Anitsho na ukuba kusekho iinyanga ezine ngaphambi kokufika kwesivuno? Khangelani! ndithi kuni: Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.+ 36 Umvuni sele efumana umvuzo yaye ehlanganisa isiqhamo sobomi obungunaphakade,+ khon’ ukuze umhlwayeli+ nomvuni babe nemihlali kunye.+ 37 Kule nkalo, eneneni, liyinyaniso ilizwi elithi, Omnye ngumhlwayeli aze omnye abe ngumvuni. 38 Ndanithuma ukuvuna oko ningakusebenzelanga. Abanye basebenzile,+ naza nina nangenelwa kukusebenza kwabo.”
39 Ke kaloku abaninzi kumaSamariya eso sixeko bakholwa+ kuye ngenxa yelizwi lomfazi owangqina esithi: “Undixelele zonke izinto endizenzileyo.”+ 40 Akufika ke kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; waza wahlala apho iintsuku ezimbini.+ 41 Ngenxa yoko abaninzi ngakumbi bakholwa ngenxa yoko wakuthethayo,+ 42 baza bathi emfazini: “Asisakholwa ngenxa yentetho yakho; kuba sizivele ngokwethu+ yaye siyazi ukuba lo mntu ngokuqinisekileyo ngumsindisi+ wehlabathi.”
43 Emva kwezo ntsuku zimbini wemka apho waya eGalili.+ 44 Noko ke, uYesu wanikela ubungqina bokuba kwilizwe lakowabo umprofeti akanikwa mbeko.+ 45 Ngoko ke, akufika eGalili, amaGalili amamkela, ngenxa yokuba ayezibonile zonke izinto awazenzayo eYerusalem emthendelekweni,+ kuba nawo ayeyile emthendelekweni.+
46 Waphinda waya eKana+ yaseGalili, apho wayejike khona amanzi aba yiwayini.+ Kwakukho mlindi uthile wakwakumkani owayegulelwa ngunyana eKapernahum.+ 47 Xa lo mntu wevayo ukuba uYesu umkile kwelakwaYuda weza eGalili, waya kuye waza wamcela ukuba ehle aze aphilise unyana wakhe, kuba wayesele eza kufa. 48 Noko ke, uYesu wathi kuye: “Ngaphandle kokuba nibone imiqondiso+ nemimangaliso,+ anisayi kuze nikholwe.” 49 Umlindi wakwakumkani wathi kuye: “Nkosi, yihla ngaphambi kokuba umntwana wam oselula afe.” 50 UYesu wathi kuye: “Hamba;+ unyana wakho uyaphila.”+ Lo mntu walikholelwa ilizwi uYesu awalithethayo kuye waza wahamba. 51 Kodwa ngoxa wayesihla amakhoboka akhe amhlangabeza eze kuthi inkwenkwe yakhe iyaphila.+ 52 Ngoko ke wawabuza ilixa echache ngalo. Ngako oko athi kuye: “Izolo ngelixa lesixhenxe uye waphela umkhuhlane.”+ 53 Ngoko ke wazi uyise ukuba bekungelo lixa kanye+ athe uYesu kuye: “Unyana wakho uyaphila.” Kwaye yena nendlu yakhe iphela bakholwa.+ 54 Lo ngumqondiso+ wesibini uYesu awawenzayo ekumkeni kwakhe kwelakwaYuda waya eGalili.