-
Luka 17:29-31IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
29 Kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwanetha umlilo nesalfure uvela ezulwini waza wabatshabalalisa bonke.+ 30 Kuza kuba njalo nangemini abonakala ngayo uNyana womntu.+
31 “Ngaloo mini, umntu ophezu kwendlu onezinto ezisendlini, makangehli ayokuzithatha, nomntu osemasimini makangabi sabuyela kwizinto azishiye ngasemva.
-