Duteronomi 31:23 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 23 Emva koko wambeka* waba yinkokheli uYoshuwa+ unyana kaNun waza wathi: “Yiba nesibindi uze womelele,+ kuba nguwe oza kungenisa amaSirayeli kwilizwe endiwafungele ngalo,+ yaye ndiza kuba nawe.” Yoshuwa 1:5 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 5 Akukho mntu uza kumelana nawe logama nje usaphila.+ Kanye njengokuba ndaba noMoses, ndiza kuba nawe.+ Andisoze ndikushiye, ndingasoze ndikulahle.+ Isaya 41:10 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 10 Sukoyika, kuba ndinawe.+ Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho.+ Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda,+Ngaphandle kwamathandabuzo, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.’ Roma 8:31 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 31 Yintoni esinokuyithetha ngezi zinto? Ukuba uThixo ukwicala lethu, ngubani onokulwa nathi?+ Filipi 4:13 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.+
23 Emva koko wambeka* waba yinkokheli uYoshuwa+ unyana kaNun waza wathi: “Yiba nesibindi uze womelele,+ kuba nguwe oza kungenisa amaSirayeli kwilizwe endiwafungele ngalo,+ yaye ndiza kuba nawe.”
5 Akukho mntu uza kumelana nawe logama nje usaphila.+ Kanye njengokuba ndaba noMoses, ndiza kuba nawe.+ Andisoze ndikushiye, ndingasoze ndikulahle.+
10 Sukoyika, kuba ndinawe.+ Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho.+ Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda,+Ngaphandle kwamathandabuzo, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.’