18 “Ababingeleli abangabaLevi naso sonke isizwe sabaLevi asizukuba nasabelo samhlaba okanye lifa kwaSirayeli. Baza kutya iminikelo eyenzelwa uYehova emlilweni, elilifa lakhe.+ 2 Ngoko abamele babe nelifa kunye nabantakwabo. NguYehova ilifa labo, njengoko ebaxelele.