Levitikus 21:1 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 21 UYehova waphinda wathi kuMoses: “Thetha nababingeleli, oonyana baka-Aron, uthi kubo, ‘Makungabikho mbingeleli uzingcolisayo ngomntu ofileyo kubantu bakowabo.+ Levitikus 21:11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 Umele angayi nakumntu ofileyo.*+ Akamele azingcolise nangenxa katata okanye umama wakhe. Numeri 5:2 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 2 “Wayalele amaSirayeli ukuba amkhuphe enkampini wonke umntu oneqhenqa,+ wonke umntu ophuma ukungcola kwilungu lakhe lenzala+ naye wonke umntu ongcoliswe ngumntu* ofileyo.+ Numeri 6:9 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 Kodwa ukuba kwenzekile kwafa umntu ngequbuliso ecaleni kwakhe+ aze azingcolise iinwele zakhe ezibonisa ukuba unikelwe kuThixo,* ufanele ayichebe intloko yakhe+ ngemini azicoca ngayo. Ufanele ayichebe ngosuku lwesixhenxe. Numeri 9:6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 6 Kwakukho amadoda awayengacocekanga ngenxa yokuphatha isidumbu somntu,+ kangangokuba awazange akwazi ukulungisa umbingelelo wePasika ngaloo mini. Ngoko aya kuMoses noAron kwangaloo mini+ Numeri 31:19 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 19 Emva koko hlalani ngaphandle kwenkampu iintsuku ezisixhenxe. Wonke umntu obuleleyo nomntu ochukumise umntu obuleweyo+ umele azicoce+ ngosuku lwesithathu nangosuku lwesixhenxe, nicoce nabantu enibathimbileyo.
21 UYehova waphinda wathi kuMoses: “Thetha nababingeleli, oonyana baka-Aron, uthi kubo, ‘Makungabikho mbingeleli uzingcolisayo ngomntu ofileyo kubantu bakowabo.+
2 “Wayalele amaSirayeli ukuba amkhuphe enkampini wonke umntu oneqhenqa,+ wonke umntu ophuma ukungcola kwilungu lakhe lenzala+ naye wonke umntu ongcoliswe ngumntu* ofileyo.+
9 Kodwa ukuba kwenzekile kwafa umntu ngequbuliso ecaleni kwakhe+ aze azingcolise iinwele zakhe ezibonisa ukuba unikelwe kuThixo,* ufanele ayichebe intloko yakhe+ ngemini azicoca ngayo. Ufanele ayichebe ngosuku lwesixhenxe.
6 Kwakukho amadoda awayengacocekanga ngenxa yokuphatha isidumbu somntu,+ kangangokuba awazange akwazi ukulungisa umbingelelo wePasika ngaloo mini. Ngoko aya kuMoses noAron kwangaloo mini+
19 Emva koko hlalani ngaphandle kwenkampu iintsuku ezisixhenxe. Wonke umntu obuleleyo nomntu ochukumise umntu obuleweyo+ umele azicoce+ ngosuku lwesithathu nangosuku lwesixhenxe, nicoce nabantu enibathimbileyo.