23 Emva koko uYehova wathetha noMoses noAron eNtabeni YeHore ngakumda welizwe lakwaEdom, wathi: 24 “UAron uza kuhlanganiselwa kubantu bakowabo.+ Akazukungena kwilizwe endiza kulinika amaSirayeli, kuba nina nobabini zange niwuthobele umyalelo endaninika wona ngamanzi aseMeribha.+