-
Numeri 21:21-24IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
21 USirayeli wathumela abathunywa kuSihon ukumkani wama-Amori, esithi:+ 22 “Sicela ukunqumla elizweni lakho. Asizukungena emasimini okanye emasimini eediliya, yaye akukho qula siza kusela amanzi alo. Siza kuhamba kwiNdlela KaKumkani de sidlule.”+ 23 Kodwa uSihon akawavumelanga amaSirayeli ukuba anqumle elizweni lakhe. Kunoko waqokelela bonke abantu bakhe, waya kuhlasela amaSirayeli entlango.+ Wafika eYahatsa waza walwa nawo. 24 Kodwa amaSirayeli amoyisa uSihon ngekrele,+ aza alithatha ilizwe lakhe,+ ukususela eArnon+ ukuya eYabhoki,+ kufutshane nama-Amoni, kuba iYazere+ ikumda wama-Amoni.+
-
-
Duteronomi 2:32-34IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
32 Wathi akuphuma uSihon nabo bonke abantu bakhe, eze kulwa nathi eYahatsa,+ 33 uYehova uThixo wethu wamnikela kuthi, samoyisa yena noonyana bakhe nabo bonke abantu bakhe. 34 Sazithimba zonke izixeko zakhe saza sazitshabalalisa, kunye namadoda, abafazi nabantwana ababekuzo. Akukho mntu samshiya ephila.+
-