IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 21:21-24
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 21 USirayeli wathumela abathunywa kuSihon ukumkani wama-Amori, esithi:+ 22 “Sicela ukunqumla elizweni lakho. Asizukungena emasimini okanye emasimini eediliya, yaye akukho qula siza kusela amanzi alo. Siza kuhamba kwiNdlela KaKumkani de sidlule.”+ 23 Kodwa uSihon akawavumelanga amaSirayeli ukuba anqumle elizweni lakhe. Kunoko waqokelela bonke abantu bakhe, waya kuhlasela amaSirayeli entlango.+ Wafika eYahatsa waza walwa nawo. 24 Kodwa amaSirayeli amoyisa uSihon ngekrele,+ aza alithatha ilizwe lakhe,+ ukususela eArnon+ ukuya eYabhoki,+ kufutshane nama-Amoni, kuba iYazere+ ikumda wama-Amoni.+

  • Duteronomi 2:32-34
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 32 Wathi akuphuma uSihon nabo bonke abantu bakhe, eze kulwa nathi eYahatsa,+ 33 uYehova uThixo wethu wamnikela kuthi, samoyisa yena noonyana bakhe nabo bonke abantu bakhe. 34 Sazithimba zonke izixeko zakhe saza sazitshabalalisa, kunye namadoda, abafazi nabantwana ababekuzo. Akukho mntu samshiya ephila.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share