17 Emva kokufa kukaYehoyada, iinkokheli zakwaYuda zeza kuqubuda kukumkani, waza ukumkani wazimamela. 18 Abantu bayishiya indlu kaYehova uThixo wookhokho babo, bakhonza iipali ezingcwele nezithixo, waza uThixo waba nomsindo kuYuda nakwiYerusalem ngenxa yetyala labo.