-
Duteronomi 30:1-3IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
30 “Xa zonke ezi zinto zisenzeka kuni, iintsikelelo neziqalekiso endizibeke phambi kwenu,+ niwakhumbule+ la mazwi nikuzo zonke iintlanga uYehova uThixo wenu anisasazele kuzo,+ 2 nibuyele kuYehova uThixo wenu+ yaye niwathobele onke amazwi akhe endiniyalela wona namhlanje, nina noonyana benu, nibuyele kuye ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo* wenu wonke,+ 3 uYehova uThixo wenu uza kubabuyisa abathinjwa benu,+ abe nenceba kuni+ aze aniqokelele kwakhona kuzo zonke izizwana anisasazele kuzo uYehova uThixo wenu.+
-