-
Daniyeli 4:34, 35IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
34 “Lithe lakuphela elo xesha,+ mna Nebhukadenetsare, ndajonga emazulwini, ndaza ndabuyela ezingqondweni. Ndamdumisa Oyena Uphakamileyo, Lowo uphila ngonaphakade, ndamdumisa, ndamzukisa, kuba ulawula ngonaphakade, nobukumkani* bakhe bulawula izizukulwana ngezizukulwana.+ 35 Bonke abemi bomhlaba abanto yanto, yaye wenza into ayifunayo kwimikhosi yezulu nakubemi bomhlaba. Akukho mntu unokumnqanda*+ okanye unokuthi kuye, ‘Yintoni le uyenzileyo?’+
-