IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 6:10-12
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 10 “Xa uYehova uThixo wakho ekungenisa kwilizwe awalifungela ookhokho bakho, uAbraham, uIsake noYakobi,+ ekungenisa kwizixeko ezikhulu nezihle ongazakhanga,+ 11 kwizindlu ezigcwele izinto ezintle ongazisebenzelanga, ekunika namaqula ongawembanga, intsimi yeediliya nemithi yeminquma ongayityalanga, utye wanele,+ 12 uze ulumke, ungamlibali uYehova+ owakukhupha kwilizwe laseYiputa kwindlu yobukhoboka.

  • Yobhi 31:24
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 24 Ukuba bendithembele kwigolide,

      Okanye ndathi kwigolide yodidi, ‘Ungumkhuseli wam!’+

  • Yobhi 31:28
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 28 Bendiya kuba ndenze isono esifanele isohlwayo sabagwebi,

      Kuba bendiya kuba ndimkhanyele uThixo wokwenene.

  • IMizekeliso 11:4
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    •  4 Ubutyebi abuzukunceda* nganto ngemini yomsindo,+

      Kodwa bubulungisa obuza kusindisa abantu ekufeni.+

  • IMizekeliso 11:28
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 28 Othembela ngobutyebi bakhe uza kuwa,+

      Kodwa amalungisa aza kuchuma njengamahlamvu.+

  • IMizekeliso 23:4, 5
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    •  4 Sukubulalekela ukufumana ubutyebi.+

      Khawuyiyeke loo nto, usebenzise ingqondo.*

       5 Uza kuthi xa ukrwaqula, bube bungasekho,+

      Kuba buza kumila amaphiko njengokhozi, bubhabhe buye esibhakabhakeni.+

  • Mateyu 6:19
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 19 “Yekani ukuqokelela ubutyebi emhlabeni,+ apho konakalisa irusi nezinambuzane,* nalapho kuqhekeza amasela aze ebe.

  • Mateyu 6:24
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 24 “Akukho mntu ­unokuba likhoboka leenkosi ezimbini; kuba usenokuyicaphukela enye, ayithande enye,+ okanye uza kuthi nca kwenye, angafuni nokuyibona enye. Aninakukhonza uThixo nibe nileqa nobuTyebi.+

  • Marko 8:36
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 36 Nyhani ke, kunceda ngantoni ukuba umntu afumane ihlabathi lonke, kodwa alahlekelwe bubomi bakhe?+

  • Luka 12:15
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 15 Emva koko wathi kubo: “Vulani amehlo nize nizigade ninganyoluki,+ kuba nokuba umntu unezinto ezininzi, ubomi bakhe abuxhomekekanga kwizinto anazo.”+

  • 1 Timoti 6:17
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 17 Bayalele abo bazizityebi kweli hlabathi* ukuba bangaziphakamisi, yaye bangathembeli kubutyebi obungazukuhlala bukhona,+ kodwa bathembele kuThixo, osinika zonke izinto ezisonwabisayo.+

  • 1 Yohane 2:16
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 16 kuba yonke into esehlabathini, iminqweno yemizimba enesono,+ iminqweno yamehlo+ nokuqhayisa ngezinto onazo ebomini, akuveli kuTata, kodwa kuvela ehlabathini.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share