-
Marko 11:15-17IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
15 Bafika eYerusalem. Apho wangena etempileni wagxotha abantu ababethengisa nababethenga etempileni, wawisa iitafile zabo zokutshintsha imali nezitulo zabo babethengisa amahobe,+ 16 ibe wayengavumeli nabani na ophethe nantoni na anqumle etempileni. 17 Wayebafundisa esithi: “Akubhalwanga na kwathiwa, ‘Indlu yam iza kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo yazo zonke iintlanga’?+ Kodwa nina niyenze indawo yootsotsi.”+
-
-
Yohane 2:13-17IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
13 Kwakusondela iPasika+ yamaYuda, ngoko uYesu wenyuka waya eYerusalem. 14 Wafika etempileni kukho abantu abathengisa iinkomo, iigusha namahobe,+ kukho nabatshintshi bemali ababehleli ezitulweni zabo. 15 Ngoko uYesu wenza isabhokhwe, wabagxotha etempileni bonke abo babethengisa iigusha neenkomo, wayichitha nemali yabatshintshi bemali, wawisa neetafile zabo.+ 16 Wathi kwabo babethengisa amahobe: “Susani ezi zinto apha! Sanukwenza indlu kaTata indawo yokuthengisa!”+ 17 Abafundi bakhe bakhumbula ukuba kubhaliwe kwathiwa: “Ndiyavutha ngaphakathi kukuthanda indlu yakho.”+
-