-
IZenzo 13:34-37IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
34 UThixo wamvusa ekufeni yaye soze aphinde abe nomzimba obolayo. UThixo wayiqinisekisa loo nto ngokuthi: ‘Ndiza kuthembeka, ndikuthande ndingagungqi njengoko ndathembisa uDavide.’+ 35 Ithi enye indumiso: ‘Awuzukuwuyeka ubole umzimba walowo ukukhonza ngokungagungqiyo.’+ 36 Yena uDavide wamkhonza uThixo ngemihla yakhe, wafa* yaye wangcwatywa nookhokho bakhe, waza umzimba wakhe wabola.+ 37 Kodwa umzimba walowo wavuswa nguThixo zange ubole.+
-